Kumashumi amathathu eminyaka eyadlulayo, umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpunzi, 1994, emva kolawulo lwabamhlophe, abantu abamnyama baseMzantsi Afrika bavota okokuqala kunyulo lukazwelonke. Oku kwaphawula ukuphela ngokusesikweni kolawulo localucalulo, kwaqiniswa emva kweentsuku xa uNelson Mandela wayefungiswa njengomongameli wokuqala omnyama welizwe loMzantsi Afrika.
Ngomhla wamashumi amabini anesixhenkxe ku Tshazimpunzi kulo umiyo iphondo leMpuma Koloni libhiyozele lomsitho kumabala aseBisho, apho inkulumbuso u Oscar Mabuyane iye yawisa intetho ikhumbuza ukuba kutheni abantu kumele bayibhiyozele inkululeko yabo. “Namhlanje bantu bephondo le Mpuma Koloni sidibene kwibala ekwaphalalala kulo igazi labantu abamnyama ababesilwelwa inkululeko” utshilo uMabuyane. Uthe olusuku lusuku okumela abantu bazingce ngalo noxa ekhona amagingxigingxi kodwa mabakhumbule ukuba ngoku bayakwazi ukuvotela nawuphi umbutho, bayakwazi nokunyula urhulumente abafuna abakhokhele. Uqhubile esithi olu suku lukhulu kuyo yonke imibutho yezopolitiko, olu suku lelokuba abantu abamhlophe nabamnyanama babhiyozele umanyano lwabo ngeyantlukwano.
“Njengokuba sikhumbula olu suku, sibhenela kumthetho wamaLungelo

obhalwe ngokomgaqo siseko wethu. Simi njengesibane esikhokela iinzame zethu zoqoqosho, ezentlalo nezopolitiko, ithembisa isidima soMzantsi Afrika, ukulingana nenkululeko. Ukanti ukucinga kwethu akuphelanga nje kwimpumelelo kodwa nakwimingeni yesikhondo esijongene nayo-iyantlukwano yezoqoqoqsho, intlupheko ethe gqolo kunye nesithunzi sokungalingani okusengamandla” utshilo uMabuyane. Uthe nangona kunjalo makubhiyozelwe imitsi abayenzileyo ukusuka ekunyukeni kwamanani engqesho ukuya kutsho kumaphulo abalulekileyo okhathalelo lwempilo kunye nohlaziyo lwezemfundo. EMpuma Koloni banamalinge aphambili okuphucula imveliso yezolimo, bavuselele nelokishi zabo, kwaye baxhasa amashishini amancinci kunye noosomashishini abadibanisa kuqoqosho oluqhelekileyo.
Uthe umsebenzi wabo usekude ukuba wenziwe, ngoba olwasuku lwenkululeko lelabemi abathatha inkxaxheba nomnxeba ngamnye wenu. Uqhubekeke esithi ilizwi labantu, izenzo zabo kunye nombono wabo ubalulekile, kufuneka babambisane nabathathi nkxaxheba bakarhulumente nabangekho phantsi kweliso ukuze balungise amalungelo kunye nenkululeko engafezekanga. Kufuneka bejongene nokusilela, imiqobo kunye namathuba abawaphosileyo athintela inkqubela yabo ekwabelana ngayo. “Eli likhwelo lokuba kusetyenzwe lelanamhlanje nakwimihla ngemihla emva kokuba i-ANC ihlonyelwe ngabemi boMzantsi Afrika ukuba ikhokele inguqu yabo kwelilizwe”. Wathi uhambo lweemayile eziliwaka luqala ngenyathelo elinye, mabathathe elonyathelo bebanye njengoko bezama ukufezekisa amandla apheleleyo edemokhrasi yabo. Inkululeko yabo iphumelele nzima, mayihlonitshwe ngokusebenza yonke imihla ukudala uMzantsi Afrika onobulungisa, nempumelelo yomntu wonke. Ungcamle kumazwi kowayesakuba ngumongameli weli uNelson Mandela wathi ‘ihlala ibonakala ingenakwenzeka ide ibe yenzekile’. Wavala ngelithi mabaqhubeke phambile hay njengabantu kodwa njengamandla amanyeneyo okulunga, baphotshelelwe likamva labo ekwabelwana ngalo kwaye beqhutywa yijongo yabo efanayo. Olu suku lwenkululeko lusuku lokubhiyozela ingamango kwaye nangaphezulu kwayo yonke imini yesenzo. Abahlali baseMpuma Koloni bahlomle ngelithi kumakhasi onxibalelano, ayikho into ebisenzwa ngenkululeko apha eMzantsi Afrika, inkululeko ngeyabathile bona bazimpula zikalijacu baphila ba ubawo esabavusa kona-kona inkululeko le otatu Hani no Biko bayilwelayo ayikho zange yakhona nokuba bangavuswa bangajika baziswe elizweni eliwrongo.