OONOTAXI BAVALE INDLELA NGELITHI AKHOMNTU UPHANGELAYO KUNGEKHO MNTANA UYA ESKOLWENI DE BABHATALWE NGU SCHOLAR TRANSPORT

Ushicilelo lwe voice note beluthe ndii kumakhasi onxibelelwano izolo umhla wokuqala ku May, nanjengoko ibiyiholide yabaphangeli kazwelonke.

Le voice note ibidiza elokuba kuzakuthi kumiswe iintshukumo kweli ngomhla wesibini kulenyanga ka May de kubekati bayabhataleka oonotaxi ngu Scholar transport. Kungokunje kuvakele ukuba eBisho, eMonti, eGinsberg, xa ungena eQonce usuka ngaseTamara naxa uvela ngaseDimbaza ivaliwe indlela engena eQonce, eDutywa R408, eNkalweni eNgcobo R61, kwindlela i-Elliot R58 ivaliwe , ENgqushwa iindlela zivaliwe nakwezinye iindawo apha ephondweni. Iimoto zabo baphangelayo nabakhwelayo iitaxi bajikiwe kusasa nje.

Kukho noshicilelo apho kubonakala abafundi besikolo samabanga aphakamileyo i Nyanga SSS eNgcobo bebethwa bekhutshwa esikolweni, kutyholwa ukuba ikwadibene nokumiswa kwentshukumo. Kukho noshicilelo olubonisa umqhubi wepolo ekhutshwa ngesibi emotweni yakhe nto le ethetha ukuba i voice note ibithetha inyani ca ibisithi bazakohliswa ezimotweni zabo abantu zixuthwe kuvalwe ngazo iindlela.

Singoonondaba sisajongile isimo sikwalindele ukuva kwisebe ukuba kumaxa lindawoni ngokuthethana ukulungisa lemeko.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *