I-EPWP IZOKUNIKEZELA NGEZIGIDI EZIHLANU ZAMATHUBA EMISEBENZI KWIMINYAKA EMIHLANU EZAYO

UMongameli Cyril Ramaphosa uchaze inkqubo ye Expanded Public Works Programme (EPWP) njengenye yeenkqubo ezitshintshe ubomi babantu eMzantsi, oku ukubalule ngethuba enika ingxelo kwibala iBaffalo City eMonti kumalungu eEPWP ngelixa bedibene uyokubhiyozela amashumi amabini obukho balenkqubo ngomhla wamahlumi amabini anesine kulenyanga kaTshazimpunzi.

Lenkqubo yasekwa ngo-2003 yaza yaphunyezwa ngo2004 kwisigaba sokuqala ku-Tshazimpunzi  ukuya kuMatshi ka-2009, kwaye yajoliswa ekulweni indlala kunye nokwenza isigidi samathoba omsebenzi.

” Ngo-2004, eLimpopo, iEPWP yasungulwa ngokusesikweni ukudala amathuba emisebenzi kubemi boMzantsi Afrika abangazange bakwazi ukufumana umsebenzi kuqoqosho olusesikweni.

Ukusukela ngoko, le nkqubo idale ngaphezulu kweshumi elinesine lezigidi zamathuba emisebenzi kumacandelo e-EPWP, namaqumrhu oluntu angaphezu kwamakhulu amathathu kuwo onke amanqanaba karhulumente kunye nemibutho engenzi nzuzo njengee-arhente eziphumezayo. Sithe i-EPWP iyabutshintsha ubomi babantu kwaye iguqula uluntu,  ubungqina bukhona ukuze bonke babubone” ucacise watsho uMongameli.

Umphathiswa wesebe lemisebenzi yoluntu kunye neziseko zophuhliso uSihle Zikalala uthe olusuku lubaluleke kakhulu ngoba liphawula  iminyaka elishumi elinesibini  yasungulwa lenkqubo, eqhuba uthe lenkqubo incede abantu abaninzi  kwaye sele kuxhamle abantu abaqikeleleka ku 14 million abafumene amathuba emisebenzi noqeqesho. Wongezile ngelithi “Sizoku sungula uphase 5 wale nkqubo kwaye ujolise ekwenzeni amathuba emisebenzi angaphezu kwezigidi ezintlanu  kwiminyaka emihlanu ezayo ,sizoqinisekisa ukuba bonke abangena kule nkqubo baqeqeshelwa ukuqala iibhizinesi zabo okanye ukufumana imisebenzi abazokwazi ukuziphilisa ngawo”.

Inkulumbuso yePhondo uLubabalo Oscar mabuyane uyincomile lenkqubo kwiminyaka elishumi elinesibini eyadlulayo nanjengoko iPhondo libenegalelo lamathuba emisebenzi angaphezu kwe 1.6 yezigidi zamathuba emisebenzi e-EPWP. Wongezile esithi ” ndime apha ndizokungqina ukuba siyi Eastern Cape siyayazi iExpanded Public Works Programme, siyalazi ifuthe leEPWP ekuguquleni imeko yokuphila yabantu abathatha

inkxaxheba kule nkqubo” eqhuba ekhuthaze ngelithi lenkqubo mayiqhube ingemi, iqiniswe iphuculwe ukuze ibenomtsalane kubantu abathwaxwa kakhulu yintswelangqesho ingakumbi abantu abatsha”.

UZukile Botha ongumxhamli weEPWP nokwangumlawuli ye projekithi ZKS ephantsi koEPWP eMonti,  uthe baqala ungena kuleprojekithi ngonyaka ka 2013 bengena kwi program bengu Grade 1 njengekontraka  baphuma bengu grade 4 ngo 2016 baze bafumana noqeqesho kuVukuphile EPWP apho bebesenza khona iconstruction management kwakunye ne construction supervision NQF level 4,  Wongezile esithi,  “Koluhambo lwethu usukela ngo 2013 ukuya ku 2016 besiqeshe abasebenzi abasisigxina  abalishumi elinesihlanu kwakunye nabaqashwe ngekhontrakithi abangamakhulu amantandathu. Okwangoku siqeshe abantu besigxina abangamashumi amahlanu anesithandathu kwakunye namakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu abasebenzi bekhontrakthi kwiOfisi zase Monti naseGqebherha. Uyiqukumbele ngombulelelo esithi babuleka kakhulu ngomsebenzi omhle owenziwa yilenkqubo kwaye ubudlelwane babo noEPWP  bomelele kakhulu kwaye bayimveliso yebhongo likaEPWP etshintshe iimpilo zabantu.

“Ngokusebenza kunye, masenze isigaba esilandelayo se-EPWP, njengenxalenye yepotfoliyo ehlaziyiweyo yeenkqubo zokuqeshwa koluntu, impumelelo enkulu ngakumbi. Masenze uMzantsi Afrika usebenze” uvale ngalamanzwi uMongameli.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *