Urhulumente wephondo leMpuma Koloni ubhengeze ukuqeshwa kweeNtloko zamaSebe amatsha kwizikhundla ezininzi.
Njengenxalenye yabaqeshwa abatsha, uSharon Marsdorp uqeshwe njengeNtloko entsha yeSebe leMfundo, uBonginkosi Dayimani kweZolimo kunye no-Edmond Desmond Quinton Venn kwezokuHlaliswa koLuntu ngelixa uPhucuka Penny Penxa eyiNtloko entsha yeMisebenzi kaRhulumente kunye neZiseko zoPhuhliso.
Isithethi sikaRhulumente ephondweni uKhuselwa Rantjie uthi kungoku nje inkqubo yokugaywa kweNtloko yeSebe lezoKhuseleko loLuntu, iMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko kunye noLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli iyaqhubeka.
“INkulumbuso uMabuyane ubongoze ii-HOD ezisanda kuqeshwa ukuba zingagungqi ekuzinikeleni kubunkokeli obusesikweni. Ubamemelele ukuba balamkele eli thuba lokusebenzela uluntu lweli phondo ngokuzinikela, ngentembeko nangothando. Olu nyulo luqinisekisa ukuzinikela kukarhulumente wephondo ekomelezeni ubunkokheli nolawulo kwiphondo, eqinisekisa ukuba ulawulo lwephondo lukhokelwa ngabantu abanobuchule nabazinikeleyo.”