BAPHANGIWE OONOGADA KWISIBHEDLELA I-LIVINGSTON

Amadoda amathathu anxibe imaski athathele oonogada besibhedlele iLivingstone eGqeberha iiselfowuni zabo.

Isithethi samapolisa, uKapteni Andre Beetge, uthi uphango lwenzeke ngentseni yangeCawe.

Uthe oonogada abathathu bebekwindlu yonogada ngethuba begagana ngamadoda axhobileyo efuna iiselfowuni zabo.

UBeetge uthe emva kokuthatha iifowuni ezintathu aba baphangi babaleke ngeenyawo.

Ityala lokuphanga kuxhotyiwe liphandwa ngabakwaGelvandale SAPS.

Isithethi sesebe lezempilo eEC, uSiyanda Manana, uthi akukho basebenzi okanye naziphi na izigulana zonzakeleyo ngethuba lesi sehlo.

Uthe isebe lizakubonelela ngeenkonzo zengqondo kubasebenzi besibhedlele iLivingstone, athe bagagana nesiganeko esifana neso kunyaka ophelileyo.

UManana umemelele uluntu olunokuba nolwazi ngokuphanga ukuba luqhagamshelane namapolisa, esithi ukuhlaselwa kwamaziko ezempilo “sekuyinto eqhelekileyo” eNelson Mandela Bay.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *