UMphathiswa wezothutho uSindisiwe Chikunga ekhatshwa nguMphathiswa wezothutho nokhuseleko loluntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha kunye noSodolophu obambeleyo uYomelela Tyali batyelele iiprojekithi zika Sanaral zomaspala ombhaxa weBuffalo City ngomhla amashumi amabini anesithandathu kuTshazimpunzi.
Olu tyelelo luqale ngokuhlolwa kweeprojekthi ezahlukeneyo eziqhubekayo kumbindi weMetro eziquka i-N2 Breidbach Interchange kunye ne-N2 Green River ukuya e-Buffalo River. UChikhunga kwelityelelo ujolise ekujongeni umgangatho weendlela nenkcitha mali eyenziweyo ukuzokuthi ga ngoku.
Ngethuba uChikunga etyelele ibhulorho iTshoxa 1 kufutshane nomlambo iBuffalo eyaphumelela imbasa yesizwe yeZiko loMzantsi Afrika lezobuNjineli bokwakha (SAICE) kwicandelo lolwakhiwo ngo-2023, uchukumisekile watsho esithi obu bubungqina bokugqwesa kwezobunjineli behlabathi apho iSANRAL sele isaziwa khona. Ethetha kwibhulorho yokuqala yaseTshoxa, umphathiswa uChikunga uthe, “Ndiwuvuyela kakhulu umsebenzi endiwubonayo apha.
Awukwazi ukwakha izakhiwo ezinjena ngaphandle kwabantu. Umsebenzi wethu unzima kakhulu ukuze uqeshe abantu kwaye ubafundise izakhono.”

UNqatha uvakalise amazwi akhe enkxaso kwisiXeko watsho esithi egameni likarhulumente wephondo uthanda ukuvakalisa amazwi ombulelo kumphathiswa nakurhulumente kazwelonke ngokusebenzisa iSANRAL ngotyalo-mali abalwenzileyo kweli phondo nokuguqula imeko yelizwe.
Isixeko sibe kwindawo yokwakha. “Okunye ukuzinikela kwezinye iibhiliyoni urhulumente kazwelonke uzibophelele ekutyaleni imali, kuye kwanceda ekudaleni imisebenzi emininzi nokudala iikontraka ezincinci.
Ukwathe ezinye iikontraka zaqala njengeekontraki zeBanga lokuqala kwaye sele zitshintshile zakwiBanga lesihlanu ukuya kwelesithandathu. Abanye bebesengabafundi, kodwa ngale projekthi bakwazile ukufumana ikhwalifikheyishini zabo.
“Ekuphela kwento esinokuyithetha kukusibiza, ngakumbi kwezi ndawo zisingqongileyo, masikhusele umhlaba kwaye kungabikho luhlaselo lomhlaba kwindawo abantu abahlala kuzo, oko kuya kubangela utyalo-mali, njengoko olu hlobo lweziseko zophuhliso luzisa amathuba amaninzi okutsala utyalo-mali oluthe kratya kwaye ngenxa yoko lunegalelo kuqoqosho olungcono kubantu bale Metro.”Uphinde wachukumisa nomba wemingxuma wathi yinto eqhubekayo nesoloko ijongwa rhoqo.”
“Sazi kakuhle ukuba iphondo lethu liphondo elithandwa ziintlekele ngoko ke imiba yokutshintsha kwemozulu ibe nefuthe elibi kwiziseko zeendlela zethu, kwaye ithathelwa ingqalelo into yokuba umyinge we-90 epesenti yeendlela zethu zezegrabile.”
Kananjalo uMphathiswa uChikunga unikezele ngee bhayisekile ezibizwa ngokuba yi “Shova kalula bhayisekile ” ezingamawaka amane kwizikolo zeMetro, le nkqubo yeSebe yeBhayisikile iShova-Kalula yaqala ngonyaka ka 2010 inikezelwa ezikolweni kwaye ejolise ekuncedeni abafundi abahamba ngaphezu kwe-3km kodwa ngaphantsi kwe-5km ukuya nokubuya esikolweni, ngezisombululo zezothutho ezingasebenzisi zimoto. Izikolo ezifumene ibhayisekile ziquka iNokcampa primary, Toyise Primary, Bulembu kwakunye neRhayi primary, abantwana abayakuthi baxhamle kwezibhayisekile ngabantwana abaqala kwibanga lesithathu ukuya kwibanga leshumi kuphela.
Ongumfundi eThembalesizwe Secondary school ekumhlaba wase Litha, uLuthando Mlenze oneminyaka elishumi elinexhenxe uthi ubulela ngenkxaso eyenziwe ngurhulumente yokunikezela ngeebhayisekile nanjengoko izakuba luncedo kubantwana besikolo abahlala kude kunezikolo abafunda kuzo, kananjalo ubulele nemfundiso athe wazifumana kubabonisi bomsebenzi abangaphezu kwamashumi asixhenxe ebezimasile afana noNyda (Natinal youth development Agency).
Eqhuba uthe “ndifunde lukhulu ngendlela zokuqala ibhizinesi nangendlela esingaxhaswa ngayo xa uqala ibhizinesi naxasele ukwibusiness. Ndyabulela kakhulu kuSanral othe wasinika uthuba lokuba sidibane sikwazi ukufunda ngeemisebezi wesebe lozothutho”.