BABANJWE ABARHANELWA ABABINI NGEZITYHOLO ZOKUBA ISITHUTHUTHU EGQEBHERHA

Amalungu e-SAPS Humewood enze impumelelo ebalulekileyo kwityala lesithuthuthu ekwaxelwa ukuba sibiwe ekuqaleni kwenyanga kaTshazimpunzi kwindawo yaseHumewood eGqebherha. Lamalungu aqaphele aze abalasela ngokukhawuleza kwamalungu e-SAPS Humewood emva kwemini  ngomhla we shumi elinesixhenxe kuTshazimpunzi, oku kukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini abavalelwe ngezityholo zokuba nesithuthuthu ekurhanelwa ukuba sibiwe.

Kutyholwa ukuba ngomhla weshumi elinesithandathu malunga nentsimbi yeshumi, amalungu abeke iliso kuMbindi walendawo nakwiindawo ezikufutshane, aze aqaphela abantu ababini abavela kumazwe angaphandle befika kwirenki yeTeksi yaseNorwich behamba iFord Icon emhlophe.

La madoda ayesothula iipasile ezisongelweyo kwisithuthi, emva koko  bayebaqalisa ukulayisha ezo pasile kwibhasi ebisiya eMalawi. Amalungu angenelela ekugqogqeni ezipasile, afumana iYamaha Super Bike ediliziweyo ze aqinisekisa ukuba isithuthuthu kwabikwa ukuba sabiwa eHumewood kwakulenyanga kaTshazimpunzi kulo umiyo. Abarhanelwa ababini abaneminyaka engama shumi amabini anesibhozo (28) nenamashumi amathathu ananye (31) ubudala babanjwe ngezityholo zokuba nesithuthuthu ekurhanelwa ukuba sibiwe.

Uphando lusaqhuba, kwaye abarhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi eGqeberha phakathi evekini.

Ukucwangcisa okugqibeleleyo kunye nokwenziwa kolwaphulo- mthetho kuqaqambisa ubude abayakuthi abophuli  mthetho baye kubo ukwenza izibakala zabo ezingekho semthethweni.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *