INGXONGXO EBANJWE NGU-EQUAL EDUCATION NGEMIBA YEMALI YOKULUNGISA IZIKOLO EMPUMA KOLONI

Ngomhla wesithoba kuTshazimpunzi i-Equal Education kwiPhondo leMpuma Koloni ibibambe ingxoxo yetafile ejikelezayo ukubonisa uhlahlo lwabiwo-mali lwezemfundo kwiziseko zophuhliso. Ngaphezu koko, itheyibhile ejikelezayo iyeyaxoxa ngokusilela kweziseko zophuhliso zezikolo kwiphondo kwisithuba sonyaka wesithandathu worhulumente onyulwe ngokwedemokhrasi. Itheyibhile ihlanganise amalungu eEqual Education, abameli abavela kwiSebe lezeMfundo leMpuma Koloni, kunye nemibutho yasekuhlaleni eyabelana ngomdla wokuphucula iimeko zeziseko zophuhliso ezikolweni.

uThandile Maliti olilungu le Equal Education wamkele wonke umntu esithi “asinibizanga apha ukuza kulwa kodwa sinibiza kuba sifuna isisombululo esilungileyo sawo wonke umntu”.  Uqhubekeke esithi ukuba nikhumbula kakuhle nyaka na nyaka sibanayo lengxongxo kuyilonto ke silapha nje kukuzokubuyela emva kwizinto ezithe izikolo zabo bezikhalaze ngazo kurhulumente bazojonga ukuba inqubela phambili ikhona na emva kwendibano yabo yokugqibela.

Kulendibano bekukho amalungu eSGB ezizikolo zilandelayo Eyabantu Senior Secondary School ekumhlaba wase Bhofolo, Luzuko Primary School ekumhlaba wase Sweetwaters, Lukhozi Senior Secondary School eseMiddledrift, neMqhayi High school ese Mount Coke. Kulamalungu uBongani Hani osuka Eyabuntu uchaze esithi “ndiva kabuhlungu ndiphinde ndive kamnandi ngoba ayomini yokuqala silapha. Kunyaka ophelileyo isikolo besineziseko ezingundoqo ezingasetyenziswayo apho nokotraka uye wayeka ukusebenza ngenxa yokungahlawulwa kweCoega (i-arhente yophumezo). Kuphando olwenziweyo liSebe lezeMfundo eMpuma Koloni kunye ne Equal Education bafumanise uhlahlo lwabiwo mali lwesikolo luye lwajikelwa ngokutsha ngo-2020 ngexesha le COVID-19”. Uqhubeke esithi kwintlanganiso ebekuyo eZwelitsha ubuye nendaba ezimnandi ezithi kunyulwe ikontraka entsha ezothatha inyanga ezintathu ukuba iqale kuyonke yonke ke lonto isikolo sizokwenziwa.

Noxa uThembani Booi esithi eyabo imeko eLuzuko Primary isuke ebubini yaya kobona ububi kodwa ngo 2020 isikolo sabo sasiqanjwe ngokuba sikwimeko engxamisekileyo kodwa kungangoku akukenzeki nanto kuso. Kulapho ke isikolo kwaye kwanyanzeleka sovaliwe ngonyaka ka 2021 baze abazali balwa ukuba isikolo siphinde sivulwe kodwa kuyo yonke lemigudu yenziwayo asikabi kwizikolo ezibalwa ngokuba zikuluhlu oluphambili.

Obethethela iSebe lezemfundo uThabang Monare osuka kwcandelo le Infastructure uthe emva kwazo zonke ezizithethi zime apha phambi kwam kulapho aye wabona ukuba noxa bona belisebe becinga bayasebenza abasebenzi kodwa ke bayayiqonda ukuba baseza kufikelela nakulena yabo imiceli mngeni. Uqhubekeke esithi “thina sileliSebe sisebenza kuhlahlo lwabiwo mali elingu zero pesenti sixhomekeke kwizibonelelo esithi sizifumane. Kodwa siyathembisa ukuphuma kwethu apha sizaya nayo imingeni yenu kwabasiphetheyo”.

U-Itumeleng Mothlabane oyiNtloko yombutho iEqual Education kweliPhondo leMpuma Koloni uthe “sisandoba nengxongxo yetafile ejikelezayo kunye neSebe lezemfundo kunye nekomiti ezimele izikolo zalapha ePhondweni kukuluvuyo ubona ikomiti ezimele izikolo zithatha inkxaxheba zithetha ngemiceli mngeni ezijongene nazo kwizikolo zabo. Equal Education izingca ngokuvala umsantsa phakati koluntu kuye nabo balawulayo kwisebe lezemfundo”.

“Siphuma apha sine themba elithi bayahamba apha bayohlala phantsi baqwalasele ngokwezizikolo besithetha ngazo bajonge kwingxowa yabo yemali ukuthi banganceda ndawoni na” utshilo uMnoneleli Mazibukwana  ongusihalalo yekomiti yesikolo iLukhozi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *