Zingaphezu kwe 18 000 izilwanyana ezibiweyo ephondweni kutshanje, kwaye zinexabiso lemali engaphaya kwamashumi amahlanu anesibhozo ezigidi zeerandi. Urhumente wephondo uzama iindlela zokulwa ukubiwa kwemfuyo nanjengoko ummandla wakuTsolo ungomnye woomasipala abanezinga eliphezulu lokubiwa kwemfuyo.
Ngomhla weshumi elinesine kuCanzibe kumhlaba wakuTsolo Inkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane, umphathiswa wesebe lezophuhliso lwamaPhandle kunye nohlaziyo lwezoLimo (DRDAR), uNonkqubela Pieters kwakunye nomphathiswa wesebe lezothutho, ukhuseleko loluntu nonxibelelwano uXolile Nqatha beqalise ukusetyenziswa kweLivestock I-Identification and Traceability System (LITS) apho bebephawula ezindlebeni iinkomo ezingamashumi amathathu amawaka (30 000). Eliphulo liyinxalenye yemizamo yokulwa nobusela bemfuyo, ukomeleza amanyathelo okhuseleko lwendalo nokuphucula urhwebo lweenkomo lwamazwe ngamazwe.
Ukuqaliswa kwe-LITS kukuphunyezwa kwesibophelelo esenziwe yiNkulumbuso uMabuyane ngethuba esenza iNtetho yoBume bePhondo kulo umiyo, nanjengenxalenye yokuphumeza isivumelwano phakathi kukarhulumente kunye noshishino lwenyama ebomvu. I-LITS iya kuqinisekisa isilwanyana ngasinye siyachongwa ukuze abanini bemfuyo bathobele iAnimal Identification Act. Oku kuzophucula izinga lokutshutshisa abantu abahlawuliswa ubusela bemfuyo kunye nokomeleza i-biosecurity namanyathelo kwiifama ukuphucula amathuba orhwebo lweenkomo lwamazwe ngamazwe.

Isebe lakwa-DRDAR liphumeza lo mgaqo-nkqubo wesizwe ngokusebenzisana ne-Agricultural Research Council (ARC)kwaye ukuzakuthi ga ngoku iSebe liqeqeshe labhalisa oogqirha bezilwanyana abangaphezu kwamakhulu amabini anamashumi amahlanu, izazinzulu, amagcisa empilo yezilwanyana kunye nabacebisi abongezelelweyo ukuba bakhokele ukuphunyezwa kweNkqubo.
UMabuyane uthe isixhobo sombane esifaka ithegi yendlebe sizakuqinisekisa ukuba izilwanyana azizokuphawulwa nje kuphela kodwa, kuzakulandwa imvelaphi yazo. Wongeze wathi ” Xa uthetha ngeli iphondo uthetha ngekhaya lemfuyo, uthetha ngokuphilisa amafama asemaphandleni. Sinengxaki yokubiwa kwemfuyo kwaye bekuhleli kuthi ixesha elide ngoku, kodwa siyazama ukuyilungisa lo nto”.
‘’Nokuba uthengise isilwanyana komnye umntu, uya kukwazi ukusilandela imvelaphi. Ukuba kukho izifo uyakwazi ukukhangela imvelaphi yenkomo, Amafama aza kuqeqeshwa ukuba agcine iingxelo zeenkomo zawo ukuqinisekisa ukuba yayigula, yayigula nini, luhlobo luni lweyeza elisetyenzisiweyo, kukangaphi udipha umhlambi wakho weenkomo,” Utshilo u-Nonkqubela Pieters.
Zonke izilwanyana eziphawulwe ezindlebeni kunye nezazisi zabaninizo zibhaliswa kuvimba weenkcukacha apho intshukumo yesilwanyana irekhodwa khona ukuze kube lula ukulandelela isilwanyana emva komnini. Xa inkqubo iphunyeziwe ngokupheleleyo, isilwanyana ngasinye esixhelwe kuso nasiphi na isilarha sinokulandelelwa ukuba safunywanwa phi, iimeko zokulima apho isilwanyana sasifuywa khona, nazo zonke izenzo zempilo yezilwanyana. Oku kuya kwenza ukuba kubelula ukuchonga abanini bezilwanyana ezibhalisiweyo, ngalo ndlela kuphuculwe ukufunyanwa kwezilwanyana ezibiweyo.
Omnye wamafama onezilwanyana eziphawulwe ezindlebeni, uMnu USabatha Mnjunju uthe unethemba lokuba le nkqubo izokwazi ukubalandela imfuyo kwaye ziya kuchongwa ngokulula xa zibonwa
kwezinye iindawo okanye xa ibiwe. “Iza kusinceda kodwa amathuba okuba incede mancinci ngoba i-ear-tag lena iyakwazi ukususwa, amasela ayayazi indlela yokuzisusa. Kodwa apho ndicinga ukuba inganceda ukuba ulahlekelwa zizilwanyana namhlanje xa bengazange baphumelele ekususeni iithegi kwaye uyixele kwangethuba, inganceda ukukhangela izilwanyana ngolo hlobo,” utshilo uMnjunju Umphathiswa uXolile Nqatha uthe ukuqaliswa kwale nkqubo kongeza izixhobo ezifunekayo kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho, norhulumente uqinisekisa ukuba bonke abo babandakanya ekubiweni kwemfuyo bayabanjwa. Ubongoze uluntu ukuba malusebenzisane namapolisa ukulwa ubusela bemfuyo ze waqinisekisa ukuba ukuphawulwa kweendlebe kwimfuyo kuya kunceda kule ntsebenziswano