UNonceba Kontsiwe unikezele ngeegusha ezingamakhulu amathathu eziquka iinkunzi zeegusha neegusha kumbutho wabavelisi boboya kwisithili saseOR Tambo.
Olu nikezelo luquka inkxaso eqhubekayo kumafama achatshazelwe yimililo yedlelo yakutsha nje, abafana noMacco Yilo welali yaseZilandana kuQumbu, abaphulukene neegusha eziphantse zibekwikhulu. UYilo ufumene iinkunzi zeegusha zeDohne Merino ezintandathu ukuze akhe ngokutsha kwaye aphucule umgangatho wemfuzo womhlambi wakhe, unyuso emva kwenkxaso yangaphambili equka isondlo sezilwanyana esinikelwe nguMphathiswa uKontsiwe neegusha ezinikelwe ngusomashishini uAce Ncobo.
Eli nyathelo liyinxalenye yeenzame eziqhubekayo zeSebe zokunyusa umgangatho wemveliso yoboya nokuphucula imfuzo yemfuzo kweli phondo, lilungisa imingeni amafama ajongene nayo efana nemathiriyeli yemfuzo ekumgangatho ophantsi kunye namazinga aphantsi okukhula athintela ukufikelela kwabo kwiimarike ezisesikweni. IMpuma Koloni ivelisa malunga ne-11.3 yezigidi zeekhilogram zoboya ngonyaka, kunye ne-5 yezigidi zeekg ziphuma kumafama amnyama adibeneyo.
Ethetha noonondaba emva kokunikezelwa ngokusesikweni, uMphathiswa uKontsiwe uthe: “Isizathu esibangela ukuba le nkqubo siyifake kumafama kukuphucula umgangatho wemfuzo kwiigusha zethu nto leyo ephucula umgangatho wesixhobo soboya ukuze sihambelane nemigangatho yehlabathi.”
Owonwabileyo nobulela uMabhozo Yilo uvakalise uvuyo lwakhe emva kokufumana iinkunzi zegusha kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo (DRDAR). “Emva komlilo, ndandixhelekile,” utshilo.
“Ndandiziva ngathi ndilahlekelwe yiyo yonke into, yaye ndandifuna nokufa. Kodwa ukufumana ezi nkunzi zegusha kundinika ithemba kwakhona.” Ucacise ukuba akazange alindele naluphi na uncedo emva komlilo.
“Amagosa karhulumente ebelapha kwangoko emva kwesi sehlo, ndibulela kakhulu ngoncedo lwabo, ndilungiselela umsitho wokubulela ukuze ndivakalise umbulelo wam kuThixo ngale ntsikelelo.”
Kunyaka-mali ka-2024/25, iSebe lithenge iigusha ezili-1191 kubandakanywa iigusha ze-Dorper, Merino, kunye ne-Dohne Merino ngexabiso le-R5.2 yezigidi, iSithili sase-OR Tambo safumana iinkunzi zeegusha ezingama-389 kunye neemazi zeegusha ezingama-270. KwiPhondo liphela, iSebe liza kusasaza iinkunzi zeegusha ezingama-809.
Omnye umxhamli uNokhanya Ntshobothi ophuma kwilali yaseMbinja kuTsolo uthe uvuya kakhulu ngenxa yeegusha azifumeneyo. Umhlolokazi ophila ngokuthengisa iigusha noboya, uNtshobothi uthe utyalo-mali lweDRDAR kwishishini lakhe lokufama luzakuphucula kakhulu umgangatho wemfuzo womhlambi wakhe.
Isicwangciso-qhinga esibanzi seSebe sigxile kwiinkalo ezininzi ezibalulekileyo: ukuphuculwa kofuzo lwemfuyo ngeSkimu sokuPhucula iMveliso yeMfuyo ukuphucula umgangatho woboya; ukukhuthaza ubandakanyo ngokukhuthaza intatho-nxaxheba yolutsha, abantu abakhubazekileyo, namagqala omkhosi; ukunxulumanisa amafama nabachaphazelekayo kushishino ukuze kufikelelwe kwimarike; ukubonelela ngoqeqesho ekujoliswe kulo kunye neengcebiso, ngakumbi kulutsha, abasetyhini, kunye nabantu abakhubazekileyo; kunye nokunciphisa iziganeko zokhwekhwe lweegusha ngokwanda kwamaphulo okwazisa.