Amaqela ezopolitiko ngaphakathi kuRhulumente woManyano lweSizwe (GNU) axabene ngentetho yoHlahlo-lwabiwo-mali luka-2025.
Okunye kokungavisisani kubandakanya ukunyuswa kweVAT ngeepesenti ezimbini.
Oku kubangele ukuba intetho yohlahlo lwabiwo-mali ihlehliselwe umhla we-12 kuMatshi.
Ethetha emva kokumiswa, inkokeli yeDA uJohn Steenhuisen, uthe ukunyuswa kweVAT yinto abangenakuyixhasa xa bejonga imeko yezoqoqosho yeli lizwe.
“Kufuneka sijonge iindlela ezintsha ezithe chatha ezikhuthaza ukukhula koqoqosho ukuze siqhubele phambili uqoqosho, kudaleke amathuba emisebenzi nokuphelisa intlupheko.
USteenhuisen, obexhasa ukuhlehliswa kolu hlehliso, uthe iGNU ijonge ukubuyela ePalamente nohlahlo lwabiwo-mali olubonakalisa ukukhula kunye nemicimbi yemisebenzi, logama ikwaqwalasela imeko ethwaxa abemi boMzantsi Afrika phakathi kwentswela-ngqesho ephezulu kunye nengxaki yeendleko zokuphila.
Kusenjalo, uNobhala Jikelele weANC, uFikile Mbalula, uthe esi sisigqibo esifanelekileyo.
Oku kukuvumela imvumelwano phakathi kwamaqela ezopolitiko ngamangenelelo ekufuneka enziwe ukuze kusiwe phambili uqoqosho.