Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha uthi utyalo-mali olukhulu kwiziseko zendlela luzakunceda ukushukuxa iinkxalabo ezivezwe kwingxelo yekomishini yamaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika (SAHRC) yakutshanje. Le ngxelo ibalule imeko embi yeendlela kweli phondo njengokunyhashwa kwamalungelo oluntu.
Omnye wemiba ebaluleke kakhulu echongiweyo kukusilela kweziseko zophuhliso zeendlela kwiphondo. Sithetha nje, yi-9% kuphela yeendlela zaseMpuma Koloni ezigangathiweyo, ngaphantsi kakhulu kumyinge wesizwe wama-25%. Le ntsilelo yongezwa yinkxaso-mali engonelanga ekuhambeni kweminyaka.
Urhulumente wephondo kunye ne-Arhente yeSizwe yeeNdlela zoMzantsi Afrika (i-SANRAL) bazibophelele ngemithombo yobutyebi ekuphuculeni iindlela, ngokufanelekileyo bajike iphondo libe liziko lolwakhiwo.
Isebe lezothutho eMpuma Koloni ligxile kwiindlela zasemaphandleni, ukugcina uthungelwano olukhoyo nokuphucula iindlela ezininzi eziphambili ukusuka kwigrabile ukuya kwitha. Phakathi kwamaphulo akutshanje kukuphuculwa kwendlela iClarkebury edibanisa uR61 ngasengcobo noN2 ngaseDutywa.
Ezinye iindlela ezikumanqanaba ohlukeneyo ophuhliso ziquka indlela iWillowvale ukuya eDwesa, uR61 ukuya eHluleka Game Reserve, kunye noR72 ukuya kwindawo ekuchithelwa kuyo iiholide eHamburg.
I-SANRAL ikwatyale iibhiliyoni zeerandi kwiiprojekthi zolwakhiwo lweendlela kwiphondo liphela, kuquka nokuphuculwa kwe-R63 ukusuka eBhisho ukuya eQumrha.
Uninzi lolu tyalo-mali lugxile kwingingqi esempuma yephondo, apho iziseko zeendlela eziwohlokayo okanye ezingekhoyo ibingumba ekudala ikho.
UMphathiswa uNqatha uyamkele ingxelo yeSAHRC waza waphinda wagxininisa ukuzinikela kwephondo ekuphuculeni uthungelwano lweendlela.
“Siyayivuma kwaye siyayamkela ingxelo yeKomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika, kwaye sinqwenela ukubaqinisekisa ukuba thina njengephondo, sisebenzisana neSANRAL, sisebenza ngokuzimisela ekutshintsheni umfanekiso nokuphucula uthungelwano lwethu lweziseko zeendlela.”
Uthe umsebenzi weSANRAL uncedisa utyalo-mali olwenziwa njengephondo ezindleleni, ukuze lingapheleli nje ekutshintsheni inkangeleko yephondo kodwa lilibeke kwindlela ecacileyo yohlumo loqoqosho.
Ukwagxininise ukuba nangona imfuno yeziseko ezingcono zeendlela isephezulu, inkqubela iyenziwa.
“Siyazi ukuba imfuno yeziseko zophuhliso zendlela inkulu, kwaye siyavuma ukuba imitsi yethu mhlawumbi ayikonelisi wonke umntu. Kodwa isibhambathiso sethu kukuqhuba ngokutyala imali kwiziseko zendlela eziphuculweyo kumntu wonke eMpuma Koloni,” utshilo uNqatha.
Ngaphandle kokuphucula iimeko zendlela, olu tyalo-mali lukwadala amathuba emisebenzi kuluntu lwasekuhlaleni ngexesha lolwakhiwo. Zakuba zigqityiwe, kulindeleke ukuba iindlela eziphuculweyo ziphucule unxibelelwano, ukukhula koqoqosho, kunye nomgangatho wobomi uwonke kwizizukulwana ezizayo.