UFUNYENWE USONGELWE NGEPLASITIKHI UMZIMBA WENTOMBAZANA ESELULA EMDANTSANE

Ufunyenwe sele ebhubhile umzimba womntana oyintombazana oneminyaka esithandathu ubudala, oku kulandela emveni kwengxelo yokulahleka kwalomntwana kwisikhululo samapolisa Inyinyiba kufutshane noMdantsane ngomhla wesixhenxe kweyoMga.

Ngokwengxelo, malunga necala lentsimbi yesibhozo ebusuku amapolisa abiziwe eMdantsane NU13, nanjengoko ebizwe emveni kokuba abahlali beyile ukuyokhangela umntwana malunga  nolwazi abalufumeneyo ngokulahleka kwalomntwana.

Amapolisa afikele kulomzi apho athe afumana indoda ize ibetha ngesutu yesele ngaphandle kwendlu nabahlali abalungcwabevu ngumsindo, kucaca ukuba lendoda ibethiwe yalimala kakhulu  kananjalo uye wasweleka ngenxa yokonzakala kakhulu.

Umzimba walentombi incinci ufunyenwe phantsi kwebhedi usongelwe ngoplasitikhi, kurhaneleka ukuba udlwengulwe nangona kunjalo, oku kuyokuqinisekiswa emveni kwe post-mortem.

Uphando luyaqhuba kwaye amatyala amabini okubulala avuliwe ukuquka elentombazanana nomtyholwa odinyazwe(bludgeoned)luluntu.

Umkomishinala wePhondo Lt Gen Nomthetheleli Mene uvakalise usizi lwakhe ngesisehlo sibi ingakumbi xa ilizwe liqwalasele iinstsuku ezilishumi elinesithandathu zokungaxhatshazwa kwabasentyhini kunye nabantwana(16 days of activism against women and children), wongezile kumazwi akhe esithi” Ngeloxa iimvakalelo ziphakama, kubalulekile ukugxininisa ukuba ukuhlala uphaphile (vigilantism) ayisosisombululo. Umthetho kufuneka wongamele kwaye siyalugxeka naluphina uhlobo lobundlobongela. Kufuneka sisebenzisane ukulungisa oonobangela bezizenzo zimanyukunyezi ngoluhlobo kwaye siqinisekise ukhuseleko lwabasetyhini kusetyenziswa amajelo esemthethweni”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *