UBEYIMPUMELELO UMSITHO WESIKHUMBUZO SOSUKU LOLWIMI LWENKOBE EMONTI

IPan South African Language Board(PanSALB) ibambisene nesebe lezemidlalo ubugcisa nenkcubeko kwakunye nesebe Lezemfundo lwenze isikhumbuzo sosuku lolwimi lwenkobe (International Mother Language day), lomsitho ubuqhuba ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga eyoMdumba eInternational Convention Center eMonti,oku bekujolise ekwaziseni uluntu ngokubaluleka kokusetyenziswa kolwimi lwenkobe ingakumbi ezikolweni. Ngethuba uMlumzana Lance Schultz oyi CEO yePanSALB enika ingxelo ngendima abayidlalayo ukuxhasa imfundo ngolwimi lwebele uthe ngonyaka mali ka 2022 ukuya ku2023 basebenzise imali engaphezulu kwesigidi ukukhuthaza lenkqubo yelwimi lwebele ezikolweni uqhubile esithi ” sizakuqinisekisa ukuba kwicala lezemfundo iyalandelwa lenkqubo kwaye siyathemba uRhulumente uzoyithathela ingqalelo, yona IPanSALB isezokuqhuba nokuxhasa ulwimi lwebele kwicandelo lezemfundo”.

Lenkqubo yaqala kweliPhondo kwiminyaka elishumi elenesibini eyadlulayo apho iqale eCofimvamba nanjengoko isaqhuba nangoku, kwisigaba esiphakathi sesikolo(intermediate phase) kwizikolo ezingaphezulu kwamashumi asixhenxe, lenkqubo iqhuba kubantwana bebanga lwesine ukuya kwelesixhenxe apho bafundiswa iMathematics, Technology kwakunye Natural Science ngolwimi lwesiXhosa. Isebe lezemfundo luyayele ukuhlolwa kumaphondo onke asithandathu malunga nokuthandwa kokusebenziswa kolwimi lwenkobe apho kuyekwenziwa udliwanondlebe kubafundi notitshara kwizikolo ezichongiweyo khona ukuze kuqatshelwe utshintsho olukhoyo xana kusetyenziswa ulwimi lwebele. Ngokwezicwangciso zonyaka ozayo kulundele lenkqubo iqhube inwenwe nakwezinye izikolo uqala kwibanga lwesine kwaye iqhube kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni.

Ngokwengxelo ka UNESCO (United nations educational, scientific and cultural organizations) kuqikeleleka ukuba ifoti percent yabemi alufikeleleki ngokupheleleyo kulwimi abaluthethayo, lonto ithi abantu bugxile kakhulu kulwimi lwesilungu, yiyolonto iye ibengunobangela wokuba abantwana ezikolweni bangaqondi ngokupheleleyo bafumane amaqondo asezanzi kwaye baphume phakathi.

Umphathiswa wesebe lezemfundo uFundile Gade uqinisekisile okokuba iziphumo zokugqwesa kwabafundi esisuka kuzo kunyaka ophelileyo nezeminyaka emihlanu edlulileyo zibonakalisa ukuzinza kwe system yemfundo apha Empuma Koloni. Wongezile esithi “nangona singeka fikeleli kulendawo sifuna ufikelela kuyo kodwa imbonakalo iyatsho ukuba isystem iyazinza ngoku, okwesibini iziqhamo zokufunda kwabantwana zingalithemba elikhulu hayi kwiphondo kuphela kodwa kwilizwe ngokuphela ngoba imfundo yiyo ezakunika abantu abazakumelana nezanzulu zexesha njengoba ilizwe libheka phambili”.

Umphathiswa wemfundo esisiseko uAngie Motshekga ngethuba ebambe udliwano ndlebe noonondaba uthe kulusizi kakhulu ukuba bathathe ixesha elide ukushukuma apho bebefanele beshukumise kusaqalwa, ngokuba nakude kudala ngonyaka ka 1976 umba wolwimi ubungundoqo, uqhube esithi “lento siyenza namhlanje kukubuyisela kumbindi ulwimi lwesintu ingakumbi njengolwimi lokufunda ezikolweni. malunga nokulungela kootitshara, silenzile uphando malunga ne-pilot zase Mpuma Koloni kwaye isinika isiseko esihle sinentlahla silelilizwe ngoba sisebenza nooPanSALB, udyunivesithi nababhali ziincwadi, sikukulungele oku kwaye asikwazi ulibazisa”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *