SALIWE ISICELO SEBHEYILE SALOWO OSEBENZA NGAMAYEZA ESINTU

Ngomhla wamashumi amathathu kweyoMqungu, iNkundla kaMantyi yaseTsomo yaphumelela ukuyikhanyela ibheyile umongikazi uSiyasanga Sifumba oneminyaka engamashumi amathathu ubudala, ojamelene nezityholo zokutyeshela umthetho we-Act 2/2021 ngokuxhaphaza umkhwetha nokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (GBH). USifumba wabanjwa ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyoMnga 2024 kwaye ugcinwe eluvalelweni ukusukela ngoko.

Kutyholwa ngelithi uSifumba waqeshwa njengomongikazi wesintu ngabazali balo mkhwetha eGqogqorha Administration Area, eSixhotyeni. Ezinye izityholo zezokuba umongikazi wesintu waqala ukumphatha gadalala umkhwetha esebenzisa intonga, emkhaba ngeenyawo evulwe ngebhutsi, esebenzisa isandla esivulekileyo nenqindi elivalayo ukubetha umkhwetha.

Kutyholwa ngokuba umongikazi wesintu uye wabetha umkhwetha kangangokuba akazange akwazi ukuzimela ngentsasa elandelayo (nge-05 kaDisemba 2024). Umkhwetha usiwe kwisibhedlele saseCofimvaba nalapho athe watshintshelwa ngoko nangoko kwisibhedlele saseFrere eMonti ngenxa yobunzima bokwenzakala kwakhe.

Umongikazi uSifumba wafunwa wabanjwa ngamapolisa aseTsomo ngomhla we-17 kuDisemba 2024. USifumba uye wavela izihlandlo eziliqela phambi kweNkundla kaMantyi eTsomo ngeenjongo zokufaka isicelo sebheyile de kwaliwe ngebheyile ngomhla wama-23 kuJanuwari ka-2025. Umhla wenkundla njengoko ubungqina obunikiweyo banele ukuxoxwa kwetyala.

UMkomishinala weSithili u-Major General Rudolph Adolph unika iSebe lezoBulungisa ubhontsi kwisigqibo nanjengoko liza kunika isilumkiso esiqatha kubenzi bobubi kwaye baya kuba ngabenzi bobubi abajongela phantsi isiko lolwaluko lwama-Afrika.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *