ISEBE LEZEMFUNDO LENZA IINZAME ZOKUPHINDA KUNYUKE INANI LOKUPASA EMPUMA KOLONI

Umphathiswa wesebe lezemfundo uFundile Gade, uthembise okokuba isebe lizokuthi lithengele bonke  abafundi bezibalo ikhalityhuleyitha , oku kuyinxalenye yokuphucunga izinga lokupasa laseMpuma Koloni. Ukuthembisile oku ngethuba ebambe intlangano kwakunye neenqununu zezithili ezintathu zaseMpuma Koloni eAbbotsford eMonti ngomhla weshumi elinesibhozo kweyoKwindla. Lentlangano ijolise ekuqokeleleni nokwenza imiba ephathelele kulawulo lwezikolo kwakunye nokusebenza nanjengoko izakunika uRhulumente olawulayo umfanekiso ocacileyo wemingeni ezijongene nazo iinqununu zezizitili. Ziphumile ngobuninzi bazo iinqununu zezithili ezithathu ziquka uMasipala ombaxa iBuffalo City, Amathole East and Chris Hani West uzokuzimasa lentlangano.

Umphathiswa ugxininise kwelokuba isebe lijolise ekufumaneni u85% kulonyaka kwizifundo zikaMetrikhi lonto ingabangela ukuba iphondo libe kwizinga noko eliphezulu lokupaselwa apha eMzantsi, ekwakholelwa ukuba iPhondo linawo amandla okuba phezulu kwiTop three kwizifundo, nanjengoko ejonge intsebenzo kwinkqubo yePhondo kuleminyaka mibini edlulileyo. “besidinga nje ukuzisa kuwo onke amanqanaba olawulo lwendawo karhulumente kwezemfundo kungoko sizise olu luhlu lweenqununu ezikwiviri lokuqhuba ulawulo lwekharityhulam kwiziko lemfundo kwiphondo liphela” uyicacisile uMphathiswa.

Malunga nezicwangciso zezikolo eziqhuba kakubi, isebe lijonge ngokusondeleleyokwaye lwazihlela ezinye zazo azinazo iititshata, uluvo lomphathiswa lithi kuthathwe zonke izikolo ezinabafundi bakaMetriki eziqhuba ngaphantsi ko 50% babekwe kwisikolo esikhulu esikufutshane apho bazokufumana ootitshala abaninzi kunye nemfundo esemgangathweni. Emveni kwepasika kulindeleke ukuba ababafundi basiwe kwizizikolo ezahlukeneyo apho bazofumana imfundo esemgangathweni efunekayo.

Ngethuba kunikelwa iinqununu zezizithili zibuze imibuzo, uTata uNdande osuka kwisitili iChris Hani West uphakamise umbuzo esithi “ibaluliwe ukuba isebe linemingeni ye-technical maths kunye Maths, zithini izicwangciso njengesebe ngoba zininzi izikolo ezingenayo iTechnical Maths kwaye isebe lilindele ukuba ootitshala benze imimangaliso, okwesinini ukusuka ngoJanuwari inkqubo yePPM ikhutshwe kunyaka ophelileyo isithi izoqala ngenyanga eyeDwarha ukuya kwinyanga eyoMga xasele izikolo zivuliwe ze ootitshala  bafakwe kwizikolo ezahlukileyo, kodwa ngoku kukho izikolo apho kukho umxolo ongazange ubenatitshala uqala ngoJanuwari  ngokuba le-PPM zange yenziwe, liphinde isebe lilindele imimangaliso kwezizikolo. Okokugqibela isebe lalithe xana kungekho titshara esikolweni iveki enye isebe lizokubonelela ngotithsala uzokufundisa kodwa ngoku ithatha iinyanga ezintathu ukuya kwezine ngaphandle kwetitshala, iinqunqunu zizame ukufumana utitshala kodwa zingafumani mpendulo eyakhayo kwisebe. Kulentlangano nithetha izinto ezakhayo kodwa xana kufuneka nenze okunikuthembisayo kuba yinto eyohlukileyo,sicela isebe lisincedise, enkosi”.

Umnumzana Mpupu ongu Acting Cluster Chief Director uphendulile malunga nesikhalazo sikaNdunde esithi “ngokwenene umba we PPM yinto ongenokwazi ukungayihoyi , ngokolawulo lwe-PPM nezicwangciso , okwangoku sigqibile ngeenkqubo malunga nokubekwa kootitshala kwizikolo, kodwa ngoku yintoni eyenzekayo ngokuhanjiswa nokwabiwa kwezixhobo?,kwaye isithili ngasinye sinikwe inani lotitshala abaza kubaqesha, ngoko ke siyabahlawulisa abalawuli bezithini ukuba babe necandelo elizakuchaza ukuba isithili siphina malunga nokuqinisekisa ukuba zonke izithuba zengqesho ziyazaliswa”. Ngethuba enika ingxelo umphathiswa udlulise amanzwi enkuthazo ngelithi “amaxhala enu wabekeni kuthi”uqhubile esithi abalawuli bezithini mababambe intlanganiso yeenqununu kwakunye nabacebisi zifundo ngokukhawuleza emveni kweholide zePasika apho kuzokuboniswana ngendlela sokumelana nesifundo esikhethekileyo kwisikolo somfundi othile. Uqhubile esithi “ besidinga utshintsho kancinci kwinqanaba lobuchule malunga nendlela yokujongana  nokumisa imisebenzi yethu ukuze sixabise amandla aziswe lelicandelo”uvale ngamazwi athi “kunyaka ophelileyo senza isigqibio esinzima esithi yenzani ukuba ootitshala bakuvuyele ukuba ngabafundisi-ntsapho, ngokuba ukuba uzojonga imigaqo-nkqubo karhulumente azizikuyenza lanto, yiyolonto sanikela ngeemoto esintlanu ezinikwe izikolo eziqhuba kakuhle ephondweni akukho nesenti esuka kurhulumente ,ukuze wenze abatitshala bakhululeke kufuneka niqonde imo abasebenza kuyo”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *