ABONAKALE KWANGOSUKU LOKUQALA LWEVOTI EKHETHEKILEYO AMAGINGXI-GINGXI WE-IEC

Aphumile amagosa asuka kwiKomishoni etyelela amakhaya kunye namaziko enkathalo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe umhla wokuqala wevoti ekhethekileyo wezwelonke, ukusukela ngolosuku ukuya ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kuCanzibe.Abemi boMzantsi Afrika Bebonke abavunyiweyo kwiivoti ezikhethekileyo bangama-1 668 076. Amagosa onyulo aqeqeshiweyo atyelele kumakhaya ngamakhaya nakwindawo abavalelwe kuzo abemi abangama 624 593 bebebhalisele uvoto olukhethekileyo ukuyokuvotisa nalapho aqale khona amaginxi-ginxi weIEC apho kubonakale imiceli mingeni iIEC ejongene nayo kwangolosuku lokuqala lwe Special Vote.

Ngokwengxelo abantu ababhalisele ivoti ekhethekileyo bathe abafumaneka kwivoters roll ngeloxa bebebhalisile baze bavunywa njengabantu ababhalisileyo kwi system yakwaIEC, lonto ibangele ukuba uninzi lwabantu lungakwazi ukuvota ngolwasuku lukhethekileyo ingakumbi abandu abadala.

Ngomhla wamashumi amabini anesithoba ngethuba kuvota uzwelonke, abahlali baphumile ukuyokuvota kwiindawo abathe babhalisa kuzo ngeloxa izikhululo zokuvota bezinako ukulibaziseka ngexesha lokuvula, ukuquka izikhululo ezimbini eZwelitsha nesikhululo esinye sase Sweetwaters ezikumhlaba waseQonce.

Ongumhlali kwilokishi yaseSweetwaters uThembani Booi uchaze ngendlela abasokole ngayo ngosuku lovoto luka wonke-wonke, apho abantu abadala ebekufanele bavote ngosuku lovoto olukhethekileyo bengakwazanga ukuvota, esithi “oko kusile sithutha abantu abadala ingakumbi aba badinga uncedo abangakwazanga uvota bengaveli kwi voters roll ngomvulo nangolwesibini”. Uqhubile esithi kwababantu badala ebebathutha ngabantu abadinga ingqalelo ekhethekileyo ngenxa yeminyaka, ukhona ohlala kufutshane nevenkile nongekho kwisimo esihle osebenzisa isitulo esinamavili (wheelchair ) nayo ekubonakala ingekho semgangathweni, kodwa uyayidinga noko engathi ingcono,bazamile naye ukumtatamisa khona ukuze afikelele kwisitishi avotela kuso.

UAbongile Mqalo nongumhlali wase Zwelitsha uthe imiceli mngeli bebejongene nawo ibemininzi kulona unyaka wovoto nanjengoko izithili zase Zwelitsha zibenako ukulibaziseka ngexesha lokuvula ngomhla wovoto kawonke wonke. Wongezile esithi ” kufumaniseke ukuba abanye babantu abadala abazelwe ngonyaka ka1930 abavelanga emveni kokuba uIEC wavuma ukuba babhalisile, kunyanzeleke ababantu badala befunqulwe beyokuthathwa ngeemoto ukuya kwizitishi abavotela kuzo. Okunye ubudlelwane bokusebenza kwizitishi zokuvotela bezingekhontle, kunyanzeleke sibeke uxinzelelo ukuze izinto zihambe kakuhle”.

Ongomnye wolutsha oluvotileyo ngalamhla wovoto uSiphamandla Bambata uthe unqwenela ivoti yakhe yombutho awuvoteleyo imenzele umahluko ingakumbi kwiiGraduates ezifumana nzima imisebenzi ,ucacise esithi ” kungase thina ziGraduates sibenaso istipend esisifumanayo ngeloxa silinde ukufumana imisebenzi esiyifundeleyo khona ukuze sikwazi ukuzithengela izinto zokuthambisa kwakunye nedata yokukhangela imisebenzi. Eso stipend singanceda nakumakhaya ane graduates ekungathathwa ntweni kuzo okunye makuhliswe iminyaka ye retirement noko ibeku 55 yeminyaka ngoba ababantu bafela kwizikhundla besesemisebenzini. Okunye kuyekwe ukuqeshwa ngeminyaka emibini ye experience noko ihliswe ngoba siphuma kwiDyunivesity singenayo kwalo experience”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *