Nanjengoko ibilusuku lolonyulo lukazwelonke ngomhla wamashumi amabini anesithoba, kodwa abemi beli bathi abaxolanga konke konke yinkqubo ka-IEC.
Kwiphondo leMpuma Koloni ibingamahlandenyuka ingakumbi eBisho nakwiilali ezingqongileyo, apho abahlali baseSikhobeni bebonakele bengena ngezithuthi ukuyokuvota kwisitishi saseHanover kwisikolo samabanga aphantsi i-Bulelani. Njalo ke nabase Hanover bazibone bejika nezizithuthi ukuyokuvota eSikhobeni ngezizathu zokungaveli kuluhli levoti kwizitishi zabo.
U-Thandiwe Julia Mavanyula oneminyaka engamashumi amathandathu ananye, nongumhlali waseSikhobeni uthe wothukile wokuva ukuba akakho kuluhlu lwabavoti nakuluhlu lwevoti ekhethekileyo ngoba yena wabhalisa ngethuba bekubhaliswa ngalo. ” Ndithe ndokubona ukuba akhomntu uzayo ukuzakundivotisa ndazincama ndisokoliswa yimilenze ndinjalo, ndathatha iintonga zam ndayokuvota, xandifika andabonwa kumqulu ndakhonjwa eHanover. Ndicame ndakhwela ndaya ke ngokuba ngalevoti yam ndinqwenela kutshintshe izinto abantwana bam bafumane oku kwemisebenzi ngokuba sijonge kulepeyi yam sonke, kulungiswe iindlela khe kuqwalaselwe nemiceli mngeni yamanzi esijongene nayo”.
U-Amos Vukaphi uthe ngevoti yakhe unqwenela inkqubela phambili yezinto ebeseziqaliwe “Ndivotele umbutho endimthembileyo ukuba uzakugqibezela izinto ebeseziqaliwe” ucacise watsho lo ka Vukaphi
“Ndiqhutywe ngabazali ukuba ndiyokuvota, kakade mna uvoto akukhonto olundinceda ngayo ndiphila ngoVuka uzenzele” utshilo uSiphosihle Nokonya nongumfama osakhasayo kwilali yase Hanover eBisho.