UMASIPALA OMBAXA WE NELSON MANDELA BAY UGUTYUNGELWE ZIZIKHUKHULA EZIMKE NEMIPHEFUMLO

Kuhlangulwe abantu abangamashumi amathandathu anesihlanu ngethuba begaxeleka kwizikhukhula. Ababini baphulukene nemiphefumlo, isibini besingekafumaneki. Kuvakala ukuba iinkonzo ezingxamisekileyo zisebenze ubusuku bonke bayizolo umhla wokuqala kule yeSilimela kwaye zisasebenza kunangok ukukhangela abo bangekabonwa.

Iindawo ezithe zachaphazeleka zezizikhukhula Stock and Daniel Pienaar

  • Algoa Rd.
  • Cuyler Str
  • North and Graaf Reinet
  • Vanderick and Taylor
  • Victoria drive to Caledon
  • ⁠Indlela iMatanzima KwanoBuhle iwile kwaye ivaliwe

Kukwachaphazeleke umbane ngenxa yemo yezulu engekho ntle. Umasipala ombaxa we Nelson Mandela Bay ukhuphe ingxelo exolisayo kubahlali balomasipala we Nelson Mandela Bay njengoko bethe gqolo ukujongana nomthamo omkhulu wokucima kombane kwiindawo ezithile ezahlukeneyo. Oku kucima kombane kubangelwe yimozulu embi echaphazele iindawo zalomaspala. Amaqela alomasipala asebenza ubusuku nemini ukuchonga nokusombulula imiba ngokukhawuleza.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *