Abafundi ababini babhubhe ngeendlela ezikrokrisayo kule mpela veki!

Pha ngentsimbi yokuqala emini ngeCawe (izolo) umfundi wakwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) oneminyaka engama-22 ebesaqala ukuzifudumezela umbeko ogqunywe ngefoyili kwi-oveni yeMicrowave. Emva kweentlantsana, kuba ifoyili ingavani neMicrowaves, kuye kwatsho isithonga kwatsha. Lo mfundi wasetyhini uye wabe unabela uqaqaqa emva kokutsha nokutsarhwa ngumsi kwindawo yokuhlala eseCalypso Gardens, eMonti.

Ukanti kwesinye isiganeko, ngoMgqibelo, eMthatha omnye umfundi waseWSU ongumfana oneminyaka eli-19 uphume kwisikroxo sotywala eziqhubela amatakane pha ngezithuba zentsimbi yesibini kusasa (2am). Apha endleleni egodukayo uye watyibilika wawa bhum phez’ kwekhoba. Liye lamsika ethangeni, waze wopha kanobom. Uye wabe naye uyalishiya eli. Umzimba wakhe ubhaqwe ekuseni uthe natya kwichibi legazi eChris Hani Park eMthatha.

“Amapolisa asaqhuba uphando ngazo zozibini ezi ziganeko. Kusafuneka kuyokwenziwa noqhaqho lwemizimba ukuze kufumaniseke oyena nobangela wezi ziganeko zokubhubha kwaba bafundi babini. Akukabanjwa mntu kwaye akukho nabantu abaze ngaphambili bathi bazibonele ngawabo amehlo. SinguSAPS besingathanda ukuthi aluhlanga lungehlanga kwiintsapho zaba bafundi,” kutsho upoposho olujoliswe koonondaba lwamapolisa ngokuhlwa. 

Nabani na onolwazi ngezi ziganeko uyacelwa ukuba ayokuxelela amapolisa okanye awatsalele umnxeba, nokuba akashiyanga gama.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *