Abantu abaqesha abafiki abangenamaphepha, bazakubanjwa. Amagosa anobuqhophololo, azakubanjwa. Zizakuphela nya ii-ID eziluhlaza! Urhulumente uyazazi ukuba akenzi msebenzi waneleyo ekulweni umba wabafiki abangenamaphepha kweli. Konke oku kutshiwo nguMongameli Cyril Ramaphosa ngokuhlwa ngethuba ethetha nesizwe ngamanyathelo abaceba ukungenelela ngawo kumba wabafiki kweli laseMzantsi Afrika.
UMongameli ukwakhalimele imibutho emitsha kwanabemmi baseMzantsi Afrika abazama ukuthathela umthetho ezandleni zabo nabaqweqwedisa abantu befuna ukuzibonela amaphepha wabo wokuba seMzantsi.
“Abantu mabahloniphe umthetho. Sonke siyazi ukuba sinengxaki yabantu bamanye amazwe abalapha ngokungekho semthethweni. Oku kubangela uxinizelelo kwezempilo, ekuhlaleni, kwimisebenzi nasekufikeleleni kwiinkonzo zikaRhulumente.
“Sikwanayo nengxaki yabaqeshi abaqesha abantu abangenawo amaphepha kuba befuna ukubabhatala kancinci, babasebenzise neeyure ezinde. Kubalulekile ukuba abaqeshi bohlukane nalo mkhuba! Bazakubanjwa abenza oku.
