ZIVALIWE INDAWO EZITHENGISA INTSIMBI EZINDALA NGOKUNGEKHO MTHETHWENI

Ngenjongo zokusabela ikhwelo lokulwa okanye ukunqanda ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo, iqela lenkonzo yesipolisa loMzantsi Afrika likhokele iphulo elihlangeneyo nabachaphazelekayo kumasipala ombaxa iBuffalo City Metro likunye ne SAPS yeSithili sase BCM kunye neeNkonzo zokuthotyelwa komthetho zalomasipala. Iindawo ezimbini ezithengisa ngeentsimbi ezilahliweyo ziye zavalwa kuba zisebenza ngokungekho semthethweni, kwatyelelwa abathengisi bentsimbi abahlanu apho ekubangele izaziso ezine ezikhutshiweyo kwixabiso le R10 500,00.

Abathengisi ababini abohlwaywayo apha bahlawuliswe ngoku ngabhalisi, ngokusilela ukugcina irejista emiselweyo kunye nokusilela ukuhlaziya ilayisensi yabo yokusebenza.

Izinto ezifunyenweyo zezi zilandelayo

i-26kg copper

i-6,5kg brass

500 grams Ali

Ezinye indawo ebezihloliwe yi Oxford Street kwakunye neCBD, izikhululo zamapolisa ezibonakele zikwizinga eliphezulu kumatyala obusela bentsimbi ezingasetyenziswayo yi Cambridge nesikhululo samapolisa ase-Monti. Isikhalazo sokuthengiswa kweentsimbi ezilahliweyo zenziwa zizikhululo zamapolisa ezohlukeneyo kwiindawo zabo, kwaye ukuza kuthi ga ngoku uhlolo lwezikhalazo ezingamakhulu amabini aneshumi elinesixhenxe (217) sele lwenziwe ukusuka kwintsebenzo engamashumbi amane anesithoba (49), kwaye iBCM ilamkele elinyathelo.

“Sinethemba lokuba eli phulo lizakuthumela umyalezo oqatha kwabaphuli mthetho wokuba bonke abo babandakanyekayo kwityathanga elingekho mthethweni lentsimbi ezilahliweyo zibaliwe iintsuku zabo” utshilo uSamkelo Ngwenya othethela iBCM.

Abahlali beBuffalo City metro baphawule ngelithi amapolisa aphakame kudala bekumela kuvalwe zonke indawo ezithengisa intsimbi ezindala ukuze kunga phinde kutyhuthulwe intambo zombane kwaye lenkqubo yeyona ingathi ibalulekile kuzo zonke abathe bazenza kulo nyaka.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *