AWAKHO AMANZI KWIILALI ZASEXESI

Ivakele ingoma yabahlali bedolophu encincana yaseXesi isithi “Andisabaweli ukusela amanzi ixhala lam asinamanzi”. Lengoma iza emva kokuba abahlali bakwa ward 16 beelali zaledolophu bethathe isigqibo sokuba bavale indlela u R63 ngomhla wesibhozo kweyoKwinda kulo umiyo, ngenjongo zokuba bamise iintshukumo kulandlela de kubekanti bayaphenduleka malunga nomba wokushokoxeka kwamanzi abajongene nawo.

Phambi kokuba kuphele inyanga yoMdumba amafama omasipala iRaymond Mhlaba athi abamba intlanganiso kwiiOfisi zesebe lezolimo,bebalula malunga nokubiwa kwemfuyo yabo kwakunye nokushokoxeka kwamanzi nto leyo ibonakalisa ukuba mninzi umntu ochaphazelekayo ngumba wokushokoxeka kwamanzi kulomasipala.  U-Avela Philiso nocele kubhalwe igama ekungelilo elakhe uthe “inene kudala singenawo amanzi iitepu zome nko, sixhomekeke kwizithuthi zamanzi ukuba azizanga kubakubi kakhulu kuthi” uqhube esithi zikhona iilali ezivulelwe amanzi ngose kuviwe ngoluqhankqalazo lwanamhlanje esithi ngummo wabantu ababakhokeleyo abangabasizeliyo ababangababaliyo nokuba ziziciko zeziphi na imbiza.

Amapolisa akhawuleze afika kwindawo leyo bekuvalwe kuyo indlela ngabahlali ukuzokulawula ucwangco, nalapho kubonakele kudutyulwa ngenjongo zokubagxotha abahlali endleleni le. Othethela amapolisa u Lt CoL Siphokazi Mawisa uthe “Nanjengoko abahlali bebevale indlela R63 phakathi kweQonce neDike, ngenxa yokuhanjiswa kweenkonzo abangaxolanga kuko. Amapolisa aye asebenzisa ii rubber bullets ukubasusa kwaye uphando lobundlobongela lwasesidlangalaleni luyaqhuba”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *