Iindawo ezintathu eMzantsi Afrika zonyulwe ukuba zibhengezwe njengeeNdawo zeLifa leMveli yeHlabathi. Ezi ndawo yiDiepkloof Rock Shelter ekufutshane ne-Elands Bay kuNxweme oluseNtshona, iPinnacle Point eMossel Bay eGarden Route, kunye nomqolomba waseSibhudu KwaDukuza, KwaZulu-Natal.
ISeshini yama-46 yeKomiti yeLifa leMveli ye-UNESCO idibana eNew Delhi, eIndiya.
Iziza zonyulwe kudidi lokuPhuma kweZimilo zoLuntu zale mihla.
UMphathiswa weSebe leMicimbi yeNkcubeko neMidlalo eNtshona Koloni uRicardo Mackenzie uthi, “Xa ndityelele iindawo zaseNtshona Koloni kutsha nje bekungakholeleki ukucinga ngookhokho bethu abashiya uphawu lwabo kula matye. Kufuneka sigcine eli lifa lenkcubeko ukwenzela izizukulwana ezizayo. Ubume bendawo yelifa lehlabathi kwezi ndawo iza kukhulisa ukhenketho, uphuhliso loqoqosho kunye nokudala imisebenzi.”