Bashiyeke bencumile abafundi besikolo samabanga aphezulu i-Mzomhle, emva kokutyelelwa yi Makazole Mapimpi Foundation ibambisene ne Hollywood Foundation. Umhla wamashumi amabini kweyoMdumba kulo umiyo, ibiyeyona mini engasoze isuke ezigqondweni zabafundi kunye nootishala besikolo iMzomhle emva kokubona umdlali ophumizandla wombhoxo u-Makazole Mapimpi. Lo kaMapimpi ngumdlali ophumeleleyo oyinzalelwane yenye yeelali zase Mpuma Koloni e-Tsholomnqa.
Le nzalelwane yaseTsholomnqa ithe yakuba iphumelele ayizange yalibala apho ivela khona emva kokuba ibengusaziwayo, kulapho iye yaqonda iqale isiseko esaziwa nge Makazole Mapimpi Foundation, kodwa akavelanga wabanesisiseko uthe xa eyicacisa “Bendikade ndisithi xa ndizobuyela apha ekhayeni ndivela kwimidlalo kwindawo ngendawo, ndenze iphulo lokuqokelela zonke izinto abanye abadlali bangazisebenzisiyo wena zihlangu zokudlala, ooshoti neezikipa ndize ndiphathele abantwana belali yam abaphuma kumakhaya atsala nzima nabakuthandayo ukudlala imidlalo kodwa abazali bengena nzame yokuba thengela izixhobo zokudlala”.
Eqhuba uthe ngonyaka ka 2021 waqonda makaqale i-Makazole Mapimpi Foundation azokwazi ukunceda abantwana abatsala nzima kuba naye uyakwazi ukuya eskolweni ngenyawo nangempahla ezingekho mgangathweni. Yonke lento imenze wanentshisakalo wakwazi ukuhamba engena kwiminyango ngeminyango yilonto kukho olunxibelelwano lakhe ne Hollywood Foundation.
Iphupha lakhe lelokuba olunxibelelwano analo kunye ne Hollywood foundation libe lunxibelelwano leminyaka ngeminyaka ukuze iphupha lakhe lokuphuhlisa umntana womntu omnyama osweleyo linga tshabalali. Uyivale ngelithi ebenikwe ithuba lokuba akhethe izikolo zibembini azakuthi aye kuzo ayokunikeza ngempahla zesikolo kulapho ke i-Mzomhle iye yabanentlahla yaba sesinye sezikolo aye wazikhetha, ugxininisile esithi “ayihambi ngokukhetha lento, ingoku khetha isikolo ibinoba sesiphi andiyikhethanga iMzomhle kuba ndiyithanda kodwa kuba kufuneka ndikhethile babene ntlahla, eyonanto ibabulekileyo kukuba ndiqale apha ekhayeni noba ingasesiphi isikolo na kodwa siqale sijonge imeko yesosikolo”.
Obethethela iHollywood Foundation uFrank Yawa uthe “Namhlanje sityelele iMzomhle High School asihambi sodwa sihamba no Makazole Mapimpi esesibenzisana naye, ijongo yokuba lapha namhlanje kungenxa ka Mapimpi okhethe esisikolo njenge sinye sezikolo emasizityelele ngokuzokunceda”. Uqhube esithi iHollywood foundation iyodwa ibisele iqale iphulo lika buyela esikolweni(back to school) ukuqalela ngonyaka ka 2020 kulapho iye yakhula unyaka nonyaka yilento kulonyaka bazimise ngezigidi ezisibhozo (8million) abazokuncedisa ngayo kwizikolo zonke ezikuwo olithoba amaPhondo.
Umfundi wesisikolo uSimamkele Khoza uthe “Ndivuya kakhulu ngoba namhlanje ndibone omnye wabantu endibawela ukuba nguye xa ndikhula andisoze ndiyilibale lemini”. Waqhuba esithi uzibona zonke izinto kodwa le ibehleleyo esikolweni sabo ayiqhelekanga kwaye bayavuya bebulela kakhulu kuMapimpi kunye ne Hollywood ngento entle abenzele yona esikolweni sabo “Namhlanje sinenyweba enkulu kuba sityelelwe zeziziseko zimbini, iMapimpi Foundation kunye ne Hollywood Foundation zisiphathele okuhle, ngoba eyonanto zizoyenza apha kukusipha impahla zesikolo kubantwana bethu abadingayo. Sisikolo esiselokishini apho abanye abantwana baphuma kumakhaya angathathi ntweni ngoku ke babonile ukuba basikhethe nathi lonto isenze saziva kamnandi kakhulu” utshilo uNoma Juzayo oyinqununu ebambeleyo. Uyivale ngelithi bayabulela kakhulu kuMapimpi othe wakuba ebekwe endaweni ebanzi angayilibali imvelaphi yakhe, besisikolo ngobubanzi bayabulela kakhulu nakwi Hollywood Foundation nakubo bonke abantu abathe bazokuba xhasa ngalemini inkulu kubo.