Umdlali wombhoxo weSpringbok uSiya Kolisi kunye nenkosikazi yakhe uRachel ngenjikalanga yangoLwesibini, bakhuphe ingxelo ngokudibeneyo bebhengeza ukuba bathathe isigqibo sokuwuqhawula umtshato wabo.
Ezi ndaba zothusayo ziza kanye emva kokuba esi sibini sibuyele eMzantsi Afrika sisuka eFransi emva kokuba uSiya ephelise isivumelwano sakhe sengqesho kwiRacing 92.
“Esi sigqibo sisuka kwindawo yothando, intlonipho nokuqonda ukuba le yeyona ndlela ilungileyo kuthi sobabini. Ngelixa ubudlelwane bethu njengesibini buyatshintsha, sihlala singabahlobo abakhulu kwaye singamaqabane azinikeleyo ekukhuliseni abantwana bethu ngothando kunye nenkathalo abasoloko beyazi.
“Siza kuqhubeka nokusebenza kunye kwiSiseko esithetha lukhulu kuthi,” ifundeka le ngxelo ifakwe kwiiakhawunti zabo zeendaba zentlalo.
Umdlali wombhoxo weSpringbok uSiya Kolisi kunye nenkosikazi yakhe ngenjikalanga yangoLwesibini, bakhuphe ingxelo ngokudibeneyo bebhengeza ukuba bathathe isigqibo sokuwuqhawula umtshato wabo.
Esi sibini sithandwa ngabaninzi saqala ukuhlangana ngo-2012 kwisidlo sangokuhlwa eStellenbosch. Baba ngabahlobo kwaye eso yaba sisiqalo sebali labo lothando.
Ngo-2015, bamkela umntwana wabo wokuqala, unyana uNicholas Siyamthanda kunye nentombi yabo uKeziah, owazalwa ngo-2017.

Ngenxa yokuxakeka kukaSiya, uRachel wayeka umsebenzi wakhe wokuba ngumphathi wemisitho kunye nomphathi wezentengiso ukuze abe ngumama osisigxina kubantwana babo abane. Emva kwexesha uye wakhokela iKolisi Foundation yabo.
USiya noRachel batshata nge-13 ka-Agasti ka-2016, ngomsitho omhle eFranschhoek owathi wathathwa ziikhamera ze “Top Billing”.
Esi sibini, sajongana namaqhina amatye kunye, ukusuka kwimpatho-mbi ngokobuhlanga kwaye nabasetyhini ekuxelwe ukuba bazama ukuphazamisa umtshato wakhe.
URachel ebekhe wajongisa kumakhasi onxibelelwano egxeka abantu basetyhini ngokubiza uSiya “njengohlobo” kwaye bamthumelele imiyalezo ku-Instagram engafanele ukuthunyelwa kwindoda etshatileyo.
Kunyaka ophelileyo, uRachel noSiya babhiyozela iminyaka esixhenxe bezelwe, kwaye kwincoko yakhe noSiv Ngesi, waphalaza imbilini yakhe ngendlela uRachel awayeme ngakuye xa wayengekho kwindawo entle, ethatha abanye abantwana ababini waza wamncedisa ekwenzeni usapho.
Wathi: “Ndandifuna usapho, ndandinqwenela ukuba nosapho. Wakhulelwa uNick engekazalwa safumana umntakwethu nodade wethu.
“Wathatha abanye abantwana ababini abangakwaziyo ukuthetha isiNgesi yaye mna ndandingekho kwindawo efanelekileyo. Bendiphila ngathi andinasapho. Wahlala nam,” wabalisa uSiya.
Ingxelo kaKolisi ayikhange icacise unobangela woqhekeko kodwa bacele intlonipho njengoko besongamela inguqu kwaye babulela uluntu ngothando, ukuqonda nenkxaso abababonisileyo.