BAMANGELE ABABUKELI BEBHOLA EKHATYWAYO KWIMIDLALO YECARLING BLACK LABEL CUP

IMagesi FC ivelise eyona nto ibuhlungu kakhulu kule sizini xa ikhuphe iinkosi ze-Orlando Pirates kumdlalo weCarling Knockout ngo’3-2 kumjikelo wokuqala e-Orlando Stadium emva kwemini ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithoba kule yeDwarha.

IMagesi iye yanyamezela isaqhwithi kwisiqingatha sesibini emva kokuhamba phambili ngo’3-0 kwixesha lokuphumla. Emva kwexesha elide loxinizelelo, iPirates ikwazile ukubuyisela amanqaku amabini kwimizuzu emihlanu yokugqibela yexesha lommiselo ukuyinika ithuba lokuthatha umdlalo ukuya kwixesha elongezelelweyo.

IBucs iye yafumana ibhola kumqolo ngexesha elimisiweyo, kodwa igowuli likaMohau Nkota lalilawulwa ngokuchanekileyo ngumncedisi kasompempe.

IMagesi esanda kunyuselwa ibiqala kukhuphiswano iqubisana neqela lePirates eliphumelele itumente yeMTN8 phambi kwekhefu lamazwe ngamazwe.

Kusenjalo iqela elaziwayo iMamelodi Sundowns liphumelele ngamanqaku amahlanu eqandeni nalapho ibiqhumisana ne Golden Arrows kwakulo olukhuphiswano lwe Carling Black Label, emva kwemini yangoMgqibelo, umhla weshumi elinesithoba kweye Dwarha.

Kumjikelo wokuqala u Thapelo Morena uye wafaka inqaku lokuqala encediswa ngu Ribeiro Costa, ngemizuzu nje elishumi elinesine. Emva kwemizuzu engamashumi amathathu u Rayners ulifake emnatheni elesibini inqaku encediswa ngu Mathews.

Kumjikelo wesibini u Mothobi Mvala ubuye nelishushu lesithathi inqaku ngemizuzu engamashumi asixhexhe anesixhenxe encediswa ngu Lorch khange ibeyimizuzu emingaphi laza elesine inqaku noShalulile encediswa ngoka Morena. U Kutlwano Letlhaku uyivalile ngelesihlanu yabe kushiyeke imizuzu engephi uphele umdlalo.

Imidlalo isaqhuba

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *