UThuliswa Kilifele oneminyaka engamashumi amathathu ananye nongumhlali kwilali yaseQhaga eQonce, ungomnye wamaxhoba ahlaselwe sisifo somhlaza ngonyaka ka-2021, apho athe wafumanekiswa (Diagnosed) ukuba unomhlaza wegazi (Leukemia) kwisibhedlele iTigerbag eKapa. Lo ka Kilifele uthi akukhange kubelula emveni kokuba exelelwe ngoogqirha ngesisifo kananjalo uphaphame kwesisibhendle engazazi ufikelele kanjani, oku kulandela emveni kokuba ehlaselwe sesisifo ngethuba engumfundi kwiKholeji iLovedale ebhala iphepha lakhe lokugqibela kwiimviwo zokuphela konyaka.
Ngenxa yempilo, akakhange akwazi ukuqhubeka nezifundo zakhe kuye kwanyanzeleka ukuba aphume phakathi eskikolweni nanjengoko ebengumfundi we-Public Management esenza uN4. Unyangiwe ze waqala iChemotherapy kwakwesosibhedlele iTigerbag kodwa ngenxa yokungamnkeli imeko ucele ukugqithiselwa kwesinye isibhedlele isikufutshane nekhaya ze wafumana esikufutshane esenza izinto ezidibene nomhlaza wegazi kwisibhedlele iProvincial eGqebherha apho athe wahlala iinyanga ezintandathu na khona ekwiChemotheraphy, uchaze esithi khange kubelula nanjengoko imdlikidlile iChemotheraphy yamosha namazinyo wakhe kodwa unyamezele wafikela kumjikelo wokugqibela, kuye kwacaca ukuba inyanga eyoMqungu uyivale ngezona ndaba zimnandi zokuba usinqobile isifo somhlaza.
Ecacisa indlela azive ngayo emveni kokuva ukuba esinqobile isifo somhlaza esithi “Ndivuye kakhulu ukuva kwam ukuba ndisinqobile esisifo, ngoba ndandinalanto yokuba umntu ophila nesifo somhlaza akaphili ngaphezu kweminyaka emibini kwaye nophando endikhe ndalenza kukho into ethi umntu onomhlaza akaphili xesha lide”.
Sele ingunyaka yasekwa ISilusapho Cancer Organisation ejongene nokuxhasa abantu abaphila nefiso somhlaza, abalwa esisifo kunye nabasinqobileyo, iinjongo zayo kukwaziza uluntu jikelele khona ukuze baqonde kwaye ijongene nokukhuthaza amaxhoba ukuba asilwe esisifo. Umseki walombutho USine Mtiki uthe uziva onwabile ukuva ukuba lokaKilifele isinqobile isisifo nanjengelungu labo, uqhubile ngelithi “ndiyazingca ngokuvula le support group ngokuba ndiyayibona ukuba iyabasebenzela abantu kwaye bayancedana ngokucebisana kwizinto ezithile, kodwa okwangoku uThuliswa ongumntu wokuqala ukunqoba esisifo kwisupport group bakhona nabanye abasalwayo kodwa ndikwinkqubo yokuba nabanqobi abaninzi”.
“Besiphethene kakuhle koluhambo lwakhe, noxa ke besihamba simana ngokuya kwisibhedlele esikude iTigerbag sisebenzisa imali nanjengoko sihlala kwaseKapa kodwa isibhedlele sona sikude kuthi. Njengomntana kaDadewethu ndiye ndamncekelela ndimxhasa de waba kanti uya thunyelwa kwisibhedlele esiseGqeberha esikufutshane nalapho ahlala khona. Eyonanto ibimhlupha kakhulu kukulahlekelwa ziinwele zakhe ngexesha ekwiChemopheraphy zazisimnka, kwaye bekukhona amaxesha apho ebengathethi lento ithethwayo ubone ukuba kukhona ukungaqondi okuthike”utshilo uSimanye Kilifele Mshudulu ongumakazi kaThuliswa.
UThuliswa ulibulele igalelo labantu abamxhasileyo ingakumbi uSine Mtiki owamnceda ukwamkela imeko ebephila nayo kwakunye nomama UTom ebemana ngokumcelela imithandazo ebantwini, eqhuba uthe “inzima lendlela ndiyihambileyo kwaye andiyinqweneni nabanina” uwongezile echaza ngendlela angabacebisa ngayo abantu abaphila nesifo somhlaza esithi “ndingacebisa abantu abaphila nesisifo okokuqala makayamnkele kwaye alandele imithetho ayixelelwa ngooMongikazi ingakumbi kwicala lokutya nanjengoko xana ukwiChemotheraphy ungatyi nantonina, umzekelo azityiwa izinto ezihlabayo ezifana nechips , nemibeko nayo ayityiwa ,nokutya okunamafutha, lomithetho ke kufuneka uyibambile”.