Usapho lakwaNzuse kuQoboqobo e Upper Gxulu luzibone selingena khaya ngenxa yonyana walo otya iziyobisi. UBanoyolo Mondisa oneminyaka elishumi elinesibhizo owenza ibanga lesithoba uzibone sekweyona meko ingaginyisi mathe xa ethe elele ekuzeni kusa ngolwesithathu wavuswa livumba lokutsha. Uyibalisa esithi “mna ndandisuka kwaSitheshy ebusuku ngolwesibini ndafika ubhuti ehleli phandle esitya itolofiya, esela ne siselo, ndafika ndangena endlini wandibuza uba Banoyolo iphi la ‘magic wena’ ndathi andazani na magic mna bhuti waqhubeka ebuza esithi ndithi kuwe ‘iphi na lamagic yam na kwedini’, ndathi hai andazani na magic yakho gqiba ndalala. Ndithe xa ndisothuka ekuzeni kusa inoba ngezithuba zentsimbi yesithathu ndithe nqa kunuka umsi apha endlini xa ndithi naku wabe sesithi ‘Banoyolo ngubani ovule elicango wena’ ndambuza eliphi icango wabe eqhubekeka enyanzelisa uba ‘ndiyakubuza ngubani ovula elicango lam wena’, nguwe lo uvula pha kwedini ndithi hamba apha hamba. Ndabuza bhuti xa usithi mandihambe uthi mandiyephi ngoba mna ndiya eskolweni, wathi yena akafundi wabe sethatha induku endibetha ndaphuma ngapha kweyadi ndibaleka ndathi xa ndibheka kuyatsha kwindlu yakhe sezikukuphela nezinto eziphakathi endlin wabe endikhwaza esithi akalali ngoHili bam bayamvelela xa kutshona ilanga ndabe ndibaleka ndisiyo cela uncedo”. Uqhubekeke esithi ngelixesha abalekayo ushiyeke sentumeka umlilo nale indlu alala kuyo kwabe ikukuphela kwezinto zakhe zesikolo, impahla zonxiba, isazisi sokuhlala nayo yonke into ephakathi endlini.
Ongumzali wabantwana abahlanu uyibalisa kube buhlungu imeko yakhe, uthi kwikhaya ebesele ehlala nonyana bakhe ababini kwesisihlanu yena nonyana wakhe ongulo ubabeke kwesisimo abaphangeli, kwelikhakhaya baphila ngokubonelelwa kuba naye iminyaka yakhe ingekamvumeli ukuba afumane isibonelelo sabantu abadala. “Mna bendingekho endlini xa kusenzeka esisihlo ndivuswe kwindawo endilala kuyo kusithiwa lomfana wam ubethiwe ngulo umdala, ndakhawuleza ndavuka ndenyuka ndafika apha endlini kusisha izindlu zonke zivutha ngumlilo. Ndabe ngomvulo bendiye kwikundla zamatyala njengomntu ebeyofunela kwalo nyana umyalelo wokhuselo(protection order) kuba esigezela apha ndlini”. Uqhubeke esithi ebengengo mntana ubakhathazayo endlini ingxaki iqale xa eqalisa ukusebenzisa iziyobisi enjalo nje akafuni nophangela ufuna ukwenzelwa, uthi umthetho lo walomntana ungumntu ongenayo indlela yokuthetha nabo pha endlini aqatsele xa ethe watshaya eziziyobisi uziqonda bebesebe ngapheki naye, yena ebeziphekela kwindlu yakhe. Bebesebe ngamhoyanga nomhoya kodwa bebeyazi xa befike beqhaqhelwe kwezi zabo izindlu nguye ngoba ebebamosha.
Uqhubekeke esithi ifikile ikomiti ka ceba yabafota yathatha nenkcukacha zabo abakaboninto ingenye ethe yavela kwicala lika ceba noxa bengenanto bahamba becela indawo zokuhlala. Umama uNothembile (sitheshy) Maki ongomnye othe wanceda olusapho ngendawo lokuhlala nokuzama ukuba bafune uncedo kwiindawo nase bantwini abanokwazi ukunceda olusapho uthi “mna olusapho ndilazi kuba uBanoyolo engumntana owavele wazithandela mna, kuba nangobubusuku buphambi kwesisi ganeko ebesuka apha endlini”. Uqhubeke esithi noba bebefuna ukuwucima umlilo bengabahlali bebengenokwazi tuu ngoba amanzi yinto abangenayo kulalali kwala athunyelwa ngololiwe afika kanye emva kweveki ezimbini nalapho abafumani manzi manitsi kuba kaloku funeka wonke umntu efumene.
Uceba uZukisa Qoto uvumile ukuba ifikile into yosapho lwakwa Nzuse e-ofisini yakhe, yena indima ayidlalileyo njengoceba kukuyi dlulisela kwindlu yentlekele(disaster), kuphuhliso loluntu naku sassa. Uthe asinalo ulawulo kwinkqubo ingakumbi eziyunithi ndithetha ngazo, kodwa ke isebe lozophuhliso loluntu kunye nosassa baye bakhawuleze ukuphendula eyona ithatha ithuba elide yile yendlu yokukhusela. Kodwa indlu yentlekele yase Mahlathi izokuthumela abantu abazoyokuhlola kodwa ayisoze ibe yinto yangomso. Kwindima yamanzi uthe uceba “abahlali bathi yintoni unobangela wokuba angaphumi ngokokwazi kwabo? ngoba ndawo yonke kunengxaki yamanzi aphuma kwindawo ezithile xa esele ephuma ikwayiyo nengxaki eyaziwayo yiADM iyaziwa nangu Amatole lo unkinkisha amanzi”. Akayiphikanga ukuba amanzi abantu bawafumana kube kanye emveni kweveki ezimbini kuba esithi landawo ayiyo yodwa enengxaki yamanzi kulamhlaba ka Qoboqobo.