USEKELA MPHATHISWA KWI-OFISI KAMONGAMELI UTHABATHE UHLOLO OLUPHAMBILI KUNYE NOPHULO LOKUBUYELA ESIKOLWENI 

Usekela mphathiswa kwi ofisi zikamongameli uPinky Kekana ebetyelele isikolo iVukuhambe Special School ngomhla we shumi elinesithathu kweyoMqungu kulo umiyo, Emdantsane eMpuma Koloni. IVukuhambe Special School sisikolo sabantwana abakhubazekileyo ngokwasemzimbeni, esisikolo sibonelela ngamagumbi okufundela, iphysiotherapy, kunye nendawo zokuzonwabisa zangaphandle zabafundi zemini, kunye nehositele apho ngaphezulu kwesiqingatha sabafundi bahlala khona. Kulo unyaka umiyo abafundi abakwesisikolo balikhulu namashumi amathathu anesihlanu abafundi kwelinani aba ngamshumi amahlanu anesine bahlala ngaphakathi esikolweni.

 “Njenge sebe lokucwangcisa ukubeka iliso kunye novavanyo enye yezinto esizenzileyo namhlanje kukutyelela iVukuhambe Special School njengenxalenye yephulo lokubuyela esikolweni ukujonga nje inqanaba lokulungela ukuqala kwesikolo nje unyaka eqala” utshilo usekela mphathiswa Pinky Kekana. Uqhubeke wathi bebezokujonga ukuba yeyiphi eminye imingeni ingakumbi xa bezonge udidi lwesikolo abasityelelayo ngokwesiqhelo izikolo ezinemfuno ezizodwa zinotshintsho lwabafundi abafaka izicelo kodwa bangakwazi uphumela ngenxa yoluhlu lokulinda. Watsho esithi imicelingeni yezizikolo zikumila kunje iba yinkqubo yenkxaso kuba ababafundi abakhubazekile ngokwasemzimbeni  bayayidinga inkxaso, kungako eqonde akanokwazi ukuza yedwa kwesisikolo waye wabhalela nosomashinini ukuthi nabo baze kuxhasa ngalonto banayo.

Ishishini elikhulu elaziwa ngokuba lelase Monti Industrial Delovelopment Zone (IDZ) nalo liye lasabela ikhwelo xa usekela mphathiswa esiza kubo ecela ukuba mabafake isandla kwesisikolo. “Silapha kwesisikolo sizoxhasa njenge nxalenye yotyalo mali kwezentlalo kunye nenkqubo yotyalo-mali ehambelanayo siyi-monti IDZ sithanda ukugxila kwezemfundo kwaye siyesavakalelwa lelikhwelo lika sekela mphathiswa  lesisikolo sabantwana abanemfuno ezikhethekileyo, siye saqonda masizoxhasa ngexhobo zokudlala kuba esisikolo sabantwana ababalaseleyo emdlalweni sibanike izixhobo zodlala itenetya, itenetya yetafilile kunye neze basketball. Asiphelelanga apho sabaxhasa nango matrasi nezinto zoku gquma ibedi” utshilo u Simphiwe Khondlo ongumphathi we IDZ emonti. Uqhubekeke esithi benze isibophelelo sokuqhubeka besebenzisana kunye neqununu ekulobeni abanye abaxhasi ekubancediseni ekuthengiseni inyathelo lokuqala lesikolo kunye nokuvelisa imathiriyeli enokusetyenziselwa ukuphembelela unyuso lwengxowa-mali namanye amaziko kunye namashishini. 

“Siyi Eastern Cape Development Cooperation size sikuxhasa iVukuhambe ngeencwadi hayi ezokufunda kodwa kwancwadi abanothi bafunene ukuyithenge zingadluli kwisixamali esingange R20000. Unobangela wokuba sifake inkxaso kwicala lencwadi kungenxa sifuna ukukhuthaza abafundi ukuba bafunde ukwazi ukufunda bazokwazi kwanto abanqwenela ukuba yiyo bakwazi bathathe ixabiso lokufunda kunye nokubhala ebomini babo” utshilo uBongiwe Nyengane omele ulawulo lwabachaphazelekayo kunye nenkqubo ezizodwa kwa ECDC. Uqhubekeke esithi bayibonile into Inqununu eyibekileyo (presented) phambi kwabo kwaye bazoyithatha bayibuyisele kubaphathi babo kunye noxaduva lokuthelekisa uluntu (coparate social responsibility) babone into abanakuyenza.

Umfundi wesisikolo uNtando Nokama okwanguye nomdlali owaye wafumana ithuba lokuba ayokumela isikolo sakhe kumazwe aphesheya kolwandle afana noJapan, Turkiye kunye nase Ethopia esiyo kumela isikolo sakhe kumdlalo wetenetya yesitulo, uvakale echulumance kakhulu xa ebulela ngoko ngezelela kwabo ngezixhobo zokudlala watsho esithi “sibulela ngokungazenzisiyo”. “Ndiziva ndithobekile kwaye ndonwabile kakhulu kubakhumbula esi sisikolo sikarhulumente onjalo kufuneka eziphophelele malunga nokwenza izinto ezithile” itshilo iqununu yesikolo uWezile Tole. Uqhubekeke esithi bafumene izinto ezimnandi ezisuka kusekela Mphathiswa kunye nemibutho ahamba nayo eyeyazibophelela ekuncedeni isikolo ekubhekeni phambili yenza lonto ibeliwonga kubo, kwaye nesebe libathembisile ukuthi rhoqo ngekota bazoza bazoba jonga ukuba bame njani.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *