Kubeyimincili kubahlali baseReeston eMonti emveni kokuba kuvulwe ngokusesikweni isikolo samabanga aphakamileyo iSophathisana ebekudala isiququzelelwa ngabahlali ngenxa yobunzima bebephila phantsi kwabo, equka abantwana abahamba imigama emide ukuya ezikolweni kwindawo ezifana noMdantsane nakwezinye iindawo. Inkulumbuso uLubabalo Oscar Mabuyane usivule ngokusesikweni esisikolo ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuTshazimpunzi, esi sikolo sinamagumbi okufundela angaphezulu kwamashumi amabini, sine media centres ezintathu, sine science laboratory, kwakunye ne computer rooms ezintlanu kwaye sine administration block entsha.
Ibali lokusekwa kwesi sikolo siyichukumisile kakhulu intliziyo yeNkulumbuso kuba sazalwa
ngonyaka ka 2000 nanjengoko yayingumbono wabazali abanenkathalo ngomntwana womntu omnyama, apho bathi babona kufanelekile kubekho i High School apha ngenxa yamanani aphezulu abantwana balapha.
“Namhlanje sizokuvuna imbewu abayityalayo abo bazali ngokuseka esi sikolo.Ndifuna ukukhankanya ngokukhethekileyo iimbokodo ezimbini uMama uThandiwe Tiwani noMama uBongela abaququzelela ukwakhiwa kwale High School apha eReeston” , uqhubile esithi bengurhulumente weliphondo
bayabulela kusapho lwaka Tiwani ngento uMama uThandiwe ayenzele abantu base Reeston nanjengoko eliphulo lizoxhamlisa nezizukulwana ezizayo. Nanjengoko U-Mama uThandiwe Tiwani ungumzekelo wabantu abathandwayo eluntwini, abantu abakhayo, hayi abantu abachithayo.
Inkulumbuso igxininise isithi “Njengo Premier wale Province ndifuna siligcine igama lakhe nelika Mama uBongela kwesi sikolo njengombulelo wethu sonke ngegalelo labo ekwakhiweni kwe Sophathisana Senior Secondary School”.

Isikolo samabanga aphakamileyo iSophathisana sesinye sezikolo ezikufutshane nekhulu ezikhokelwe yiANC urhulumente eMpuma Koloni kule minyaka mihlanu idlulileyo. Eliphulo lenziweyo
lelokuba abantwana basezilokishini nasezilalini nabo babenako ukonwabela indawo yokufunda eyonwatyelwayo ngabantwana abafunda eDolophini.
Equkumbela kwintetho yakhe uMabuyane uthe “Siyavuyisana nani ngesikolo senu. Sicela nisigcine sisihle oluhlobo silulo. Khuselani esisikolo ngokuchasene nokonakaliswa kwempahla kuba xa uvumela abantu bamoshe abantwana kulento uluntu aluyi kuba nayo indawo yokufunda. Masiyixabise into esinayo kwaye siyikhusele”.