Ukwenza iphulo lokuxhobisa nokufundisa abantwana abasezikolweni ngokubaluleka kwedemokhrasi, i-IEC yephondo leMpuma Koloni isulunge iphulo lokhuphiswano lokuthetha esidlangalaleni njengenxalenye yenkqubo yonyaka yedemokhrasi ezikolweni (Annual School Democracy Programe). Le nkqubo yenziwe ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpunzi kwiziko iSteve Biko eQonce, njengoko lenyanga kaTshazimpunzi, iyinyanga yokubhiyozela usuku lokuqala abantu abamnyama baye bafumana ithuba lokuzikhethela
urhulumente ozaba lawula. Izikolo ezintathu ezikulo masipala umbaxa weBuffalo City eziye zathatha inkxaxheba kolukhuphiswano zezi zilandelayo Zk Matthews ekumhlaba wase Balasi, kunye ne Zameka ekumhlaba wakwa Tyutyu eBisho kunye ne Kingsridge high school ekumhlaba wase Qonce.
Ethetha kulomsitho Acting Chief Directors of Learner Development and Social Support kwiSebe lezemfundo uNomvuselelo Fikeni uthe injongo yale nkqubo kukubethelela imigaqo yemfundo ngedemokhrasi kunye nemfundo yoluntu ukuze abantwana babo babe nokuzithemba ngokuba kufuneka bevotile nokuba ithetha ukuthini idemokhrasi kubo njengabantwana abasakhulayo. “KwiSebe lezeMfundo into yevoti yiyo emisela ukuba sizoyaphi, yilonto sikhuthaza bonke abemi
boMzantsi Afrika abaqala besesesikolweni ukuba ukuze urhulumente enze ngendlela ethile sithi thina bemi ukuba sivote ukuze kuphume lento siyifunayo kungoko ke kubalulekile ukuba lentsebenziswano iphakathi kweSebe lezeMfundo no IEC siyenze iqine ukuze kuxhamle ilizwe lethu” utshilo lo kaFikeni. Bathembisile ukuba eliphulo alizokuphelela phaya bazakubalandelela abantwana nasezikolweni zabo beliSebe lezeMfundo.
UAndisiwe Kula oneminyaka elishumi elinesibhozo ophumelele kwindawo yesithathu osuka eZk Mathews uthe ngokunyanisekileyo, le yenye yeenkumbulo zakhe ezixabisekileyo ngoba ngoku wongeza kwiinkumbulo zakhe asele ezenzile. “Kuvakala kumnandi ukuba ngophumeleleyo, kwizinto ezikumila kunje ndicinga ukuba abafundi mabafunde
ukwazi ukuba negalelo kwidemokhrasi ngokuvota kwenzele sizokwazi ukulungisa ilizwe lethu” utshilo uAndisiwe.

“Olukhuphiswano lindenze ndanesikhwele kuba kulonyaka andizokwazi ukuvota kuba iminyaka yam ayikandivumeli, kodwa ndiyafuna ukutsho ukuba ngamava abalulekileyo ukwazi ukufumana ulwazi olunitsi kangaka kwixesha elincinci. Ndifuna ukukhuthaza ulutsha ukuba luthathe inkxaxheba kolulonyulo luzayo sizokwazi ukuzikhethela urhulumente ozakuza notshintsho” utshilo uSiyolise Kweyama waseKingrigde high ophumelele kwindawo yokuqala.
ULulama Sigcobile oyiLocal Electoral Office kwa IEC kulo Masipala umbaxa weBuffalo City uthe bagqibe ekubeni babenalomsitho ukuze babone ukuba abafundi banxulumana njani nedemokhrasi nokuba bangayidlala njani indima yabo, bamemelela ulutsha ukuba livote ngomhla wamashumi amabini anesithoba kuCanzibe ukuze lukwazi uphawula. Uqhube esithi olukhuphiswano alusebenzi nje kuphela njengeqonga labafundi lokuvakalisa izimvo zabo zedemokhrasi kodwa kwakhona njengesixhobo sokukhuthaza ukuthatha inkxaxheba kolutsha kulonyulo oluzayo.