Umphathiswa wesebe lezempilo uNomakhosazana Meth unikezele ngeeklinikhi ezihambayo (mobile clinic)ezingamashumi asixhenxe anesithathu kwisibhedlele eMakhiwane namhlanje.
Inani elipheleleyo le-mobile clinics ezinikelweyo liquka inani leeklinikhi zamazinyo (mobile dental clinic) ezilishumi elinesibini kwakunye nee-mobile clinic ezingamashumi amathandathu ananye, apho ezithili zonke zeMpuma koloni zizothi zixhamle kuzo.

Ezi zithuthi zizokujongana neemfuno eziphezulu kwiindawo ezikude zifikelele nakwiindawo ezingenazo izixhobo ezizinzileyo kwakunye nokuphucula imeko yempilo yoluntu.
Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth uthi isebe longeza amashumi asixhenxe anesithathu eMobile clinics kumashumi amahlanu anesine ebebeyinikezele kunyaka ophelileyo, eqhuba uthe “sikhuthaza into yokuba ezi mobile clinic zikwazi ukuqhuba nangempelaveki kwaye kufuneka zibeneentsuku ezisigxina ezaziwayo ezifika ngazo kunye nendawo ezihamba kuzo”.