Iminyaka iyaqengqeleka kumane kubakho isiganeko esinochatha esishiya abahlali belokishi yaseDimbaza bengawuvali umlomo. Bekuxhaphake umkhwa wokuqhushumiswa kwee ATM nto leyo yenza isankxwe kuba bebechaneka kakhulu abahlali ingakumbi ngeemini zepeyi.
Kungantsukwanga zitheni bebebuzana kwikhasi lonxibelelwano uFacebook malunga nezithonga zemipu ezitsho kwakulelokishi yaseDimbaza. Ukanti esi isiganeko esenzeke ngentsasa yangoLwesithathu umhla wesithandathu kweyoKwindla, amadoda anemipu abonakele kushicilela etsotsa imoto yemali eyaziwa ngokuba ngu G4S eDimbaza. Olushicilelo lubonisa lamadoda edubula ze oonogada babuyisa kwaqhushumbiswa imoto yemali yemka imali. Abahlali baphele nje ngokukhuza ngelithi “inene siphila isi film kle Dimbaza”
Othethela ooKhetshe uYolisa Mgolodela uthe kudutyulwe kwachanwa umqhubi wemoto yemali wonzakala, kodwa akukho mhlali othe wachaphazeleka. “Oonqevu bamke nemipu kwakunye nesixamali esingachazwanga kungokunje akukabikho mntu ubanjiweyo malunga nesisiganeko uphando luyaqhuba” Utshilo uMgolodela