Unikezele ngokusesikweni ngezihlangu zesikolo kwakunye nekiti yezemidlalo Umphathiswa wesebe lezemidlalo ubugcisa nenkcubeko uZizi Kodwa, ze wagxininisa ethembisa ngokuphucula umgangatho wesisikolo. Oku kulandela emveni kwezikhalo kwiNqununu idibene neSGB yesikolo ngokunqongophala kweedesika zokufundela abantwana nokungabikho kwamabala ezemidlalo.
Sele iyiminyaka elithoba ilandelelana esisikolo siphumelela emagqabini ngo100% kwizifundo zeBanga Leshumi (Matric)ngelasemzini, uMphathiswa ejolise ukukhuthaza abantwana besisikolo ukuba baqhubele phambili. Lo ka Kodwa unikele ngezihlangu ezingamashumi amathathu kwakunye nekiti yezemidlalo ekuquka eyebhola yomyazi neyekhatywayo ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga eyoMqungu kulonyaka ka 2024. Ongumfundisintsapho nokwangumlawuli wezemidlalo kwesisikolo uSamkelo Litye uthe “Siyavuya kakhulu ngezinto asiphathele zona umphathiswa nanjengoko sisisikolo esixhomekeke kwi Kiti enye jwii. Kodwa ngoku sizakubanako ukwandisa amaqela ethu kwezemidlalo” ,wongezile ecacisa ngomceli mngeni abajongene nawo besisikolo kwicala lezemidlalo wokungabinalo ibala esithi, okwangoku
basebenzisa ibala lase Ncotsheni kodwa bayazama ukukhangela inkxaso khona ukuze babenelabo ibala lezemidlalo njengesikolo.
Umlawuli wesithili iBuffalo City uMr Mabece ucacisile ngeziseko zophuliso lwezikolo ekhankanya ULwazi njengenxalenye yeprojekithi yekhulu elinamashumi amabini anesihlanu ezigidi zeerandi (125 million) uqhubile ngelithi “ isigaba sokuqala sale projekthi sigqityiwe okwangok, kodwa kwisigaba sesibini kuzokwakhiwa, uMphathiswa uthe ukuba ayikho indawo masakhiwe esisikolo sibheke phezulu”.
UMphathiswa uZizi Kodwa uthe uyayazi ukuba abantwana abaninzi ezikolweni bavela kumakhaya angathathi ntweni yiyo lonto athe wathatha elithuba wanikela ngezihlangu kubantwana abazidingayo. Eqhuba uthe
“ Sikwaphethe nekiti yebhola sifuna ooPercy Tau baphume kwesisikolo ULwazi kwiminyaka ezayo. Kwicala leziseko zophuhliso ,ndithe kubantu baseBhisho esiskolo masinwenwiswe, ukuba umhlaba awukho masiyephezulu, senzela ukuba kungabikho mntwana unxanelwe imfundo ovalelwe ngaphandle. Kufuneka Ibala lezemidlalo libekhona kwesisikolo, umsebenzi wam kuqinisekisa ukuba pha eOfisini yam iyenzeka lonto”.
Equkumbela uMphathiswa ulibulele igalelo elenziwe ngootitshala kwesisikolo nanjengoko babesebenza intsuku ezisixhenxe evekini ukuqinisekisa ukuba esisikolo sineziphumo ezintle kunyaka ophelileyo.