UMkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ulusizi ngokubhubha komntwana oyintombazana oneminyaka emithathu ubudala, ekutyholwa ukuba ubulawe ngumalume wakhe ngoLwesine ngomhla wesithandathu kwinyanga yeSilimela eBedford.
Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yethoba , umntwana wayekwithaveni yasekuhlaleni nonina ngethuba ethathwa ngumalume wakhe, kuthe emveni kweyure wabuya umalume sele ingekho le ntombazanana zewafunyanwa elele esitratweni eNdlovini. Ufunyenwe enamanxeba amaninzi emzimbeni wakhe.
Njengoko uphando luqhubekile ngosuku olulandelayo, amapolisa abambe umalume oneminyaka engamashumi amane anesithoba ubudala.Uvele kwinkundla kamantyi yaseBedford ngoMvulo umhla weshumi kweyeSilimela ngetyala lokubulala. Uzakugcinwa eluvalelweni de kube ngumhla we-15 kuJulayi 2024. Iintlawulo ezongezelelekileyo zisenokongezwa kodwa kulindelwe ingxelo ye post mortem. Ityala lokungahoywa komntwana livulelwe umama wontwana.
U-Lt General Mene uye wachaza ukuba isenzo esinjalo esikhohlakeleyo kumntwana omsulwa sigxininisa imfuneko engxamisekileyo yokujongana nolwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini nabantwana kuluntu lwethu. “Izenzo ezimanyumnyezi ngolo hlobo azikophulwa nje kwemithetho yethu kodwa zizithuko eluntwini. Ukhuseleko lwabantwana bethu yeyona nto ibalulekileyo, kwaye siya kuqinisekisa ukuba ubulungisa bufezekiswa ngokukhawuleza nangokuqinileyo. Ngaphezu koko, kufuneka sigxininise uxanduva olubalulekileyo lwabazali nabagcini babantwana ekukhuseleni intlalo-ntle yabantwana babo. Ubukho bomntwana omncinci kwithaveni buyaxhalabisa kwaye abumkelekanga. Siyaqonda ukuba abazali abaninzi bajongana neemeko ezinzima, kodwa ukhuseleko lwabantwana kufuneka lusoloko luyinto ephambili. Sikhuthaza bonke abazali ukuba basebenzise inkathalo enkulu kwaye bagwebe kwizenzo zabo. Ukungakhathali kulo msebenzi akusayi kunyanyezelwa,”ulumkisile uLt Gen Mene.