Inzalelwane kwilali yakuQoboqobo eneminyaka elishumi elinesixhenkxe nekwayimodeli esakhulayo, uSethu Mayekiso ugxile ngokumandla kwintetho ethi “esona sandla siphayo sesona sisikelelekileyo” nanjengoko ethe wenza umsebenzi wesisa kubantu belali i-Rabula ngomhla wesixhenxe kwinyanga yeSilimela, nalapho athe wanikezela ngeefood parcels, iimpahla kwakunye neepads kubantu abafanelekileyo abangaphezu kwamashumi amahlanu. Olunikezelo beluqhuba kwisikolo samabanga aphantsi iSonwabile ekwakulelali iRabula, kwaye lomsebenzi umenze njengemodeli eyifinalist ka Miss Initiative ozakubanjwa ngoAugust kulo umiyo.
“Ndigqibe ngokunikela ngee food parcels, iimpamhla kwakunye nepads kuba ndiyakholelwa kwinto yokuba singabantu asifani kwaye njengoba singafani, nengomso asilazi, ndiye ndagqiba ekubeni xa ndinayo into endinayo mandiphise ebantwini ngoba nam ikhona into endiyakuze ndiyidinge kubo okanye ndincedwe ngayo” ucacise watsho uSethu

Uthando lwakhe lokuba yimodeli luqale ngelixa eqala ukungenela oonobuhle kwisikolo sakhe samabanga aphakamileyo i-Rabula ngonyaka ophelileyo nalapho ethe wagqwesa waphumelela kwisikhundla sokuba ngu “Miss Rabula” ze wafumana inkuthazo komnye weejaji ezazikhona ngalamhla uMihlali Msithiseli. Lo ka Mayekiso uthe amazwi awafumana kuMihlali ngawo awamkhuthaza nokuqhubeka nokuba yimodeli, waqhuba wangenela nakwamanye amakhuphiswano oonobuhle.
UMihlali Msithiseli uthi wabona ukuba lo ka Mayekiso unawo amandla okwenza ngakumbi nangona wayengumntu owayeqala ungenela oonobuhle, umchaze njengomntu uyilwelayo into ayifunayo , othobekile nozingcayo ngobuyena. Uqhube ecacisa esithi “Njenge modeli kufuneka ukhululeke ngolusu lwakho kwaye yilonto ayikhuthazayo, ndiye ndabanomdla kakhulu ngoba ngelaxesha eqala ungenela wayengoyena owayenamaqhakuva ebusweni kodwa indlela wayezithembe ngayo yayogqitha nabanye, yilonto endayithandayo kuye, ukuzithemba ngolusu lwakhe kwaye akonqeni ukusebenzisa ulwimi lwenkobe”.

Lo ka Myekiso uthe ufumene inkxaso kubantu belali yakhe emveni kokuba exhome isaziso zokucela inkxaso malunga nalomsebenzi, abanye abantu bayebaxhasa nangeempahla kunye nemali apho bebefaka kwi akhawunti yakhe de lwafika usuku lomsebenzi. UMayekiso uthe uxolile ngeziphumo zalomsebenzi nanjengoko zonke izinto ebezicwangcisile ziphumelele kwaye wonke umntu ebekhona ekwazile ukufumana, kwaye ubulele inkxaso kumama wakhe ebesoloko esecaleni kwakhe nanjengoko ibikhona imiceli mngeni ngethuba wamalungiselelo alomsebenzi.