INkundla ePhakamileyo yasePitoli iyalele iSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi ukuba limnqumamise ngoko nangoko unokontraka oqhuba iinkonzo ze-UIF kwi-intanethi yesebe.
Oko kuthetha ukuba inkonzo iyanqunyanyiswa de kunikwe esinye isaziso.
Umkomishinala we-UIF uTebogo Maruping uthi le yingxaki kwabo baxhomekeke kuphela kwinkonzo ye-intanethi.
UMaruping uchaza banzi ngalo mba.
“Kulilishwa ukuba njengesebe le-UIF kuza kufuneka senze le nto kodwa ikwayingxaki kubemi boMzantsi Afrika abebenokusebenzisa amaqonga e-intanethi. Ngenxa yomngcipheko onokuthi ubhengezwe ukuba sinokuqhubeka sisebenzisa iqonga le-intanethi, ukuba akukho sondlo kunye nenkxaso, kubemi baseMzantsi Afrika kuyintlekele. Asifuni ukubeka abantu baseMzantsi Afrika kolu hlobo lomngcipheko kwaye yiyo loo nto siyihlisayo kwaye sibongoza abemi boMzantsi Afrika ebebeqhele ukusebenzisa amaqonga e-intanethi ukutyelela amaziko ethu. ”