Kucace gca ukuba izikrelemnqa azibuyi ngamva ekubeni zifune ukulawula ngobuqhetseba kwiidolophu zeli phondo leMpuma Koloni. Libatshonele sebecinga baqhweshile abarhanelwa abathathu namhlanje umhla wesine kweyoMsintsi, nje ngemizuzu engamashumi amathathu ibethile intsimbi yesine, nalapho badutyulwe babhubhela kwindawo yexhwayelo ngethuba bedubulana namapolisa.
Ngokwengxelo ka Major General Phumzile Cetyana ethetha noonondaba uthe, ngethuba amapolisa esenza ugqogqa aye amisa imoto ze aqaphela ukuba yiKumkani yasendaweni yase Mandela Park eMthatha eyaziwa ngokuba ngu Nkosi Sakhumzi Dalinzolo Mareke . “Bathe ngethuba likagqogqa bakuqaphela ngalenkokheli yasebukhosini, babavumela bahamba kodwa balandela, bathe abarhanelwa bakubona ukuba bayalandelwa bamisa ngemibuzo yokuba sithini isizathu sokuphinda bagqogqwe. Kulapho ke kuphikisenwe de kwabe kukhutshwa imikhono yekati kwadutyulwa ipolisa emlenzeni badutyulwa abarhanelwa babhubha” utshilo uMajor-General Cetyana. Uqhube ecacisa ngelithi sele ilithuba erhaneleka ongasekhoyo uNkosi Sakhumzi Dalinzolo Mareke kobubuqhetseba kodwa bengade babenento enesihlala ngakuye de kwabekanti uphulukana nobom bakhe namhlanje kwesisiganeko.
Indlu yasebukhosini yaBaThembu icacisile kwingxelo yenjenje “lo ka Mareke akazange abeyinkokheli yasebukhosini kulangingqi yase Mthatha, sibongoza wonke ubani ozibiza ngeNkosi ngenjongo zokwenza ubuqhetseba barhoxe” indlu AbaThembu bakwathembise ukubeka iliso kuyo langingqi.