UJessica Marieka Janse Van Niewenhuys oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ongumgcini weencwadi, ugwetywe iminyaka elishumi elinesibini entolongweni ngokuqulunqa iphulo lobuqhetseba lobuqhophololo obutsotse iSouth African Revenue Service (Sars) ngaphezulu kweR9 million.
Ugwetywe liCandelo laseFreyistata kwiNkundla ePhakamileyo yaseBloemfontein ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesine, kle yoMdumba, kulandela uphando olunzulu lwecandelo looKhetshe lophando ngolwaphulo-mthetho lwezorhwebo.
UJanse Van Niewenhuys wabanjwa kunye nomyeni wakhe uPetrus Janse Van Niewenhuys, 36, emva kokuba befudukele eGqeberha, eMpuma Koloni ngoMeyi ka2024.
Izityholo ngakumyeni zirhoxisiwe.
Kusenjalo, uJanse Van Niewenhuys ufunyaniswe enetyala kumatyala obuqhophololo alikhulu elinamashumi asibhozo ananye, kwakunye namashumi amathathu anesibhozo okurhwaphiliza imali, kwaye kwathiwa akafanelekanga ukuba nompu.
Isithethi samapolisa, uWarrant Officer Fikiswa Matoti, uthi ubuqhetseba buthathe iminyaka emine ukusuka ku2018 ukuya ku2022 ngelixa esebenza eFreyistata.
“UJessica, obejongene nokugcina iincwadi kwiinkampani ezine ezizinze eParys, wafaka amaxwebhu erhafu yobuqhophololo egameni lezi nkampani, waphinda wafaka ingxelo yobuqhophololo egameni lomyeni wakhe, ngelo xesha, wayeqeshwe yinkampani eyayisenza imisebenzi kwimigodi eyahlukeneyo,” uthethe watsho uMatoti.
Intloko yeeHawks eFreyistata, uMajor General Mokgadi Bokaba usamkele esi sigwebo kwaye uqhwabele izandla onke amaqela abandakanyekayo ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka.
Uthe isigwebo sikaJanse Van Niewenhuys kufuneka sithumele umyalezo oqatha kwabanye abaphuli mthetho kwaye wongeza ngelithi inkqubo yokubuyisela izibonelelo kolu lwaphulo-mthetho iyaqhubeka.