Umtyholwa nekukholeleka ukuba yinkalanzinzi yobuqhetseba eNtshona Koloni ubengomnye wabarhanelwa abasixhenxe abadutyulwe babulawa ngethuba bedubulana namapolisa eMpuma Koloni ngoLwesine.
Ethetha ngethuba kukhutshwa iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho kwikota yesithathu ngoLwesihlanu, uMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uFannie Masemola, ungqinile ukuba uYanga ‘Bara’ Nyalara, nobekhe wagqwethwa ngumthetho ngaphambili ngezityholo eziquka ukubulala, ukudlwengula, ukuphanga, nokukhuthuza uphakathi kwabangasekhoyo.
Ingxelo ithi amagosa eNational Intervention Unit azamile ukunqanda izithuthi ekutyholwa ukuba zithutha imipu engekho mthethweni ezisa eGcuwa, zisuka eCofimvaba, ngethuba abarhanelwa bebaleka ngesantya esiphezulu.
Kufunyenwe imipu eliqela kwindawo yexhwayelo, kuquka nemipu yodidi oluphezulu.
Amapolisa aqale aqinisekisa ukuba abantu abathandathu badutyulwe babulawa ngexesha lomlo wemipu, nangona kunjalo, umzimba wesixhenxe wafunyanwa emva kokuba umrhanelwa owenzakeleyo wazama ukubaleka kwindawo yexhwayelo.
“Amapolisa akhutshiwe endleleni aza azama ukumisa ezo moto, emva koko, abantu abebekhwele kwiimoto ezintathu badubula amapolisa. Ngenxa yoko, abantu abasixhenxe kwathiwa bafile. Kwafunyaniswa ukuba omnye wabo yayingumntu obizwa ngokuba ‘nguBhara’.”