Umdlwenguli nokwangumbulali uLuyanda Botha ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesixhenxe ufunyenwe engenatyala kwinzame zokudlwengula umfundi wekholeji yobuhlengikazi kwiminyaka elishumi eyadlulayo eKapa.
Owayesakuba ngumsebenzi waseposini ugwetywe ubomi entolongweni ngenxa yokudlwengula nokubulala umfundi weYunivesithi yaseKapa u-Uyinene Mrwetyana ngo-2019.
Isikhalazo sokuzama ukudlwengulwa sisusela kwisiganeko sangoJuni ka-2014 kwikholeji yabongikazi e-Athlone.
Ubungqina obuthiwe thaca kwinkundla yengingqi yaseWynberg buthi uBotha ungene kumagumbi okuhlambela ekholejini wajonga phezu kweshawari, nto leyo eyamothusa ummangali.
“Bendikholelwa ukuba ngeli xesha le ndoda ibifuna ukundidlwengula njengoko ingumnqa into yokuba indoda ingene kwishawara yabasetyhini ibajonge ngelixa ihlambayo,” ungqinele. Uxelele inkundla ukuba uye walwa naye.
UBotha akazange ayiphike indlela awayeziphethe ngayo ngolu suku kodwa wathi izenzo zakhe zibangelwa kukunxunguphala ngokweemvakalelo kubudlelwane bakhe.
UMantyi uAnthea Ramos uthe kwisigwebo sakhe, ngokusekelwe kubungqina obunikwe ngummangali, kwakufanelekile ukuba akholelwe ukuba uBotha wayefuna ukumdlwengula. Nangona kunjalo, inkundla kwafuneka ithathele ingqalelo into yokuba izenzo zakhe zibonisa ukuba wayezimisele ukudlwengula ummangali.
UBotha wafunyaniswa ukuba wayelingqina elilungileyo nobungqina bakhe baqinisekiswa ngowayesakuba yintombi awayethandana nayo – owayengumfundi kwikholeji yobongikazi – nothe wangqina ukuba babevumelene ngokudibana ngolo suku. Uthe emva kokuba efikile ekholejini akazange amfumane waza wamjonga kumagumbi okuhlambela, nalapho weva ukuba kuphuma amanzi.
URamos uthe nangona ingqiqo kaBotha yokungena kumagumbi okuhlambela yayingaqhelekanga, ukuba nje oko kwakusenokwenzeka ukuba yinyani, inkundla kwafuneka imnike ithuba lokuthandabuza. Akunakuthiwa ityala lingqinwe ngaphandle kwamathandabuzo afanelekileyo.
Ummangali uye waxela esi sehlo kwamanye amangqina amabini athe anika ubungqina. Nangona kunjalo, omnye uthe ummangali wayesopha emlonyeni kwaye omnye akazange ayikhankanye loo nto. Igosa elicuphayo alizange liqaphele nto ingaqhelekanga xa ummangali enikela ingxelo yakhe.
Igqwetha uKyle Petersen, omele uBotha, uthe: “Umxhasi wam wonwabile sisiphumo kwaye nam ndikholisiwe sisigwebo. Yayisisigqibo esilungileyo, esicokisekileyo esingakhethi cala kwaye wawusebenzisa umthetho ngokuchanekileyo. Kungoko wakhululwayo. Ndonwabile. Into ebendiyifuna kukummela kakuhle kwaye ndicinga ukuba ndiyenzile loo nto. “