OKA RAMAPHOSA UVAKALISE INTLUNGU KUTYELELO LWASEMTHATHA

Umongameli weli lo Mzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa utyelele eMthatha ngoLwesihlanu emva kwezikhukhula.

Umongameli uvakalise usizi ngenani labantu ababhubhe zizikhukula eMpuma Koloni, nanjengoko kubhubhe abantu abangamashumi asixhenxe anethoba ukuza kuthi ga ngoku, watsho esithi abanye abantu abakafunyanwa.

Ethetha ngethuba etyelele uMthatha othwaxwe zizikhukula ngoLwesihlanu, nalapho ebetyelele ezinye zeendawo ezichaphazelekileyo eziquka ibhulorho apho ibhasi ekhwelisa abantwana besiya esikolweni iye yakhukuliseka, uthe yimeko ebuhlungu le.

“Eyona nto ibuhlungu eye yatyumza iintliziyo zethu kukufa kwabantwana kwiteksi okanye ibhasi. Ndiziva ndilusizi kakhulu.”

Kule veki kuthiwa kufunyenwe imizimba yabafundi abathandathu kwabalishumi baseJumba Senior Secondary kwilali yaseTabase, ngelixa abane bengekabikho.

URamaphosa ukwaphendule kumbo omothuse kakhulu ibali lenkosikazi encinci u-Ongezwa Ntlabathi, yokuphulukana namakhwenkwe akhe amathathu kunye nomama wakhe kule ntlekele.

Imizimba kamama wakhe kunye nonyana wakhe omdala ayikafunyanwa.

Lo mama umncinci uzinze ePolokwane kwaye kuye kwafuneka akhawuleze agoduke emva kokuva iindaba ezibuhlungu.

“Kubuhlungu kakhulu ukufelwa ngumntwana okanye umzali wakho.

“Asiqhelanga ukulahlekelwa ngabantu abangaka ngexesha elinye, yiyo lo nto ndize kuzibonela ngokwam ukuba kwenzeke ntoni,” utshilo uRamaphosa.

Ukwathe ufumene amagqabantshintshi abanzi kwinkulumbuso uOscar Mabuyane, watsho encoma nempendulo kumasebe amathathu karhulumente ngokunceda amaxhoba kwanokukhangela abo bangekaduka.

“Lo nto kum ibonakalisa isakhono sikarhulumente wethu ekusabeleni kwiintlekele ezinje.

“Njengoko iNkulumbuso isitsho, ibinokuba mbi kakhulu kunale.

“Ngokucacileyo, siphazamisekile kukufa kwabantu abaninzi kodwa bekunokuba kubi kakhulu.

“Amaqela aphendulayo asebenze ngokukhawuleza kwaye ndive neengxelo ezilungileyo malunga nendlela iqela [lombuso] le-mortuary lenze ngayo ngokukhawuleza ukwenza uhlolo lwesidumbu ukuqinisekisa ukuba [amaxhoba] abathandekayo bayakwazi ukufumana amathambo abo.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *