MTHATHA- Igosa eliyintloko le-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) uThemba Matlou, unikezele ngenkxaso ephezulu kwiintsapho ezithe zachatshazelwa zizikhukula ezibangele umonakalo nezisube imiphefumlo engama-57 kwiSithili saseOR Tambo, eMthatha. Le arhente igxumeke iintente kwiindawo ezintathu ezisekiweyo, inceda abantu abangama-229 ngokutya okunesondlo kathathu ngemini, iqinisa ukuzibophelela kwayo kukhuseleko lokutya kwangoko.
Ukongeza kwinkxaso yokutya, i-SASSA isasaze iipakethi ezingama-229 kunye neepakethi zabantwana ezintlanu ukuhlangabezana neemfuno ezibalulekileyo zokhathalelo lobuqu kunye nolosana.
Iipakethi ephisa ngazo le arhente ziquka; Iingubo ezifudumeleyo, umatrasi omnye umntu ngamnye, Iivawutsha zemali ukujongana neemfuno zemali zexesha elifutshane, Iiyunifomu zesikolo zabafundi abachaphazelekayo, ukukhuthaza ukuqhubeka kwemfundo.
Le arhente yakwaSASSA iya kubonelela ngeevawutsha ezimbini zokuxhasa iintsapho ezisentlungwini ezineemfuno ezikhawulezileyo.
Ingqonyela uMatlou ugxininise uxanduva lwe-SASSA lokunika uncedo kwiintsapho ezichaphazelekayo, oluphuma kuMthetho woNcedo lweNtlalo.
“Sigqithisa amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kwiintsapho zabo bashiywe ngabo bebebathanda kwaye sibanqwenelela ukuchacha okukhawulezileyo abo bonzakeleyo. Sisebenzisana ngokusondeleyo nabo bonke abachaphazelekayo kwimbumba yezentlalo yeli phondo ukuqinisekisa ukuba inkxaso ephezulu inikwa iintsapho ezicinezelekileyo.”
UMatlou wenze umbulelo ongazenzisiyo kubo bonke abachaphazelekayo, amahlakani kunye namalungu oluntu aqhubekayo nokuxhasa umsebenzi obalulekileyo we-SASSA.