EMONTI- Kutshone intwazana eneminyaka emihlanu(5) yaswelenka epitsini(Septic tank) eseWinston kwilokishi yaseReeston, eMonti. Iingxelo zityhola ukuba isiciko sakulepitsi sibiwe ngabantu abaqokelela iintsimbi.
Ozibonele ngamehlo ungqinile ukuba ngokwenene esisitishi kudala sivulekile kwaye ngexesha kutshona lentwazana besivulekile.
Ukongeza Icandelo iEastern Cape Human Rights and Missing Person libambisene necandelo lezomlilo lomasipala ombaxa waseBuffalo City kunye nenkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika ngokobambiswano lamagorha akwazile ukuyihlangula lentwanzana, kodwa ibisele ilele kobandayo.