Umhla washumi amabini anesithoba kuCanzibe kulo umiyo ibingumhla obemiselwe unyulo luka zwelonkwe. Kodwa akubanga njalo kwindawo zonke kuquka eliphondo leMpuma Koloni apho abahlali base Upper Zingcuka ukuqala ngoMvulo ukuya kuLwesithathu weveki yovoto baye bama bevala nezitishi zovoto ngelithi abasayi kuvota de baphandelwe ngenxa yamabango abo omhlaba.
Kuvakele ukuba ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenkxe umasitishi womzi wamapolisa KuQoboqobo ungene esikolweni wagxagxamisa abantwana ebakhuphela ne spray gun efuna isitixo sokuvula isititshi sovota. Oluqhankqalazo lwabo luqale ekubeni izicelo zabo zobango lomhlaba zingakhange zihoywe kwaye baphele besima entweni enye yokuba abasayi kuvota de izikhalazo zabo zihoywe.
UZukiswa Ndala okungelilo ingama lakhe manyani ngexesha unondaba ebambe udliwano ndlebe nabo phambi kovoto uthe “hayi asivoti kodwa ke isitishi sovota sivuliwe kuba amapolisa aphele eqhekeza, evulela into yokuba ofuna uyokuvota angene avote kodwa thina sisamile de siphathelwe umntu esizakuthetha naye osuka kwindlu yamabango kwaye akukho namnye ebazalini bethu othe wavota kuvoto olukhethekileyo”. Uqhubile esithi, bebemi phandle begadile kwaye bathenjiswa ukuphathelwa uZama Memela osuka kwindlu yebango novezakufika ngentsimbi yesibini.
UNomakhosazana Nongqayi onguSodolophu kumasipala i-Mahlathi uvumile ukuba ebekhe wavela eLower Zingcuka kwesasitishi sovoto ngoku kwenzeka lento, uyile ebantwini wathetha nabo kodwa abahlali batshilo ukuba abazovota de kufike abantu abasuka kwindlu yoBango Lomhlaba azothetha nabo. “Kulapho ndiye ndenza inzame ndithetha nabantu de ke ndabe ndiyamfumana uMemela, uye ke wafika wathetha nabo ebacacisela ngayo yonke lento bebefuna ucaciselwa ngayo. Siye ke isitishi savulwa emva kwemini kwaye ndiyancoma kwiziphumo ukuba sikwazile ukufikelela kwelinani siphume nalo noxa ke iphazamisile lento ibisenzeka” utshilo uNomakhosazana.
“Ndizile ndizokucacisa ngalamaBango kodwa ke ndiyafuna ukuyicacisa ukuba ibango lenu eliquka ilali ezintathu libango esilisebenzileyo iminyaka amaxesha amaninzi kwaye ukuba niyakhumbula nam ndandizile apha esikolweni ndizokucacisa ukuba ngubani afanelwe ubhatalwa ngoba asoze sikwazi ubhata umntu ka 1975 kodwa ukususwa kwabantu yayingo 1978 ayikho into enjalo singabanjwa ngurhulumente, umntu onelungelo ebangweni ngokhokho bemizi nganye ze kubhaliswe abantu abaphantsi kubo” utshilo uZama Memela. Uqhube esithi bayenzile into yokuba bajonge bafumana nenkcukacha ezizobancedisa ukuba ababantu bafanelekileyo baqinisekisileyo ukuba babhatalwe bazobhatalwa. Ugqibezele ngelithi ngoLwesithathu womhla wesihlanu kweyeSilimela uzodibana nabo abacacisele ngoluluhlu lwabantu abazokufumana emva koko baphinde babuye bazokubatyikityisa amaphepha okufumana ibango, emva koko bakwazi ukuqinisekisa ukuba abantu bayayifumana imali yabo kwakulenyanga.
Othethela amapolisa uKoloneli Pricilla Naido uthe “Amapolisa ayaqinisekisa ukuba bekukho uqhankqalazo oluphazamise inkqubo yokuvota eLower Zingcuka, kuQoboqobo, ngeentsuku ezimbini ezabelwe iivoti ezikhethekileyo. Nangona kunjalo, lo mba uye wasonjululwa kamva emva kokuba abachaphazelekayo abafanelekileyo bebizelwe ukuba bathethe nabaqhankqalazi. Abaqhankqalazi bachithachitheke ngoxolo emva kokuba befikelele kwimvumelwano nabachaphazelekayo”.
Uqhubeke esithi amapolisa anoxanduva lokuqinisekisa ukhuseleko nokhuseleko lomntu wonke ngexesha lonyulo. Nangona kunjalo, kwisiganeko soqhankqalazo eLower Zingcuka, akukho mandla asetyenziswa ngamapolisa nakweliphi na inqanaba loqhankqalazo.
Nawuphi na umntu ophazamisa okanye owaphula ilungelo lakhe nabani na lokuvota, loo mntu unokubanjwa aze abekwe ityala ngokwaphula uMthetho woNyulo.