I-NATJOINTS YAMKELA UKUBANJWA KWESIBINI NESITYHOLWA NGOKUPHEMBELELA UQHANKQALAZO E-MTHATHA

I-NATJOINTS iyakwamkela ukubanjwa kwabatyholwa ngokuba ngabaphembeleli ekukholelwa ukuba bangabaxhasi boqhankqalazo olunxulumene noonoteksi olukhokelele ekubeni zonke iindlela ezinkulu eziya eMthatha zivalwe ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesixhenkxe kuCanzibe kulo ka2024.

Ngelixa amapolisa engene ngokukhawuleza ukubuyisela umthetho nocwangco, nawo ebesebenza ubusuku nemini ekukhangeleni abo baphembelela lo mkhuba wodushe. NgoLwesine, umhla wamashumi amathathu kuCanzibe kulo umiyo, aba babini baye bafunyanwa eMthatha.

Omnye wabarhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesibini
ulilungu lombutho woonoteksi kwisithili saseOR Tambo kwaye ebefunwa malunga nelizwi ekutyholwa ukuba walisasaza ephembelela udushe egaya abantu ukuba bangavoti.

Umtyholwa wesibini oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) owabanjwa emva kokuba eshicilele ividiyo yakhe apho kutyholwa ukuba umemelela oonoteksi nabanini ukuba baphazamise unyulo kwaye baqalise uqhankqalazo olunobundlobongela.
La madoda mabini sele evele phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha ngezityholo zokuphembelela udushe eluntwini, ukophula umthetho we-cyber nokwaphula umthetho wolonyulo. Bobabini bangaphandle ngebheyile yeR3000 umntu emnye. Ityala labo limiselwe umhla wamashumi amabini anesibini kuJulayi 2024.

Imiyalezo evuthayo ekwabelwana ngayo sesi sibini yasasazwa ngokubanzi kumaqonga eendaba ezentlalo ahlukeneyo.

I-NATJOINTS iye yalumkisa ngokuphindaphindiweyo abasebenzisi beendaba zoluntu ukuba bayeke ukuthumela kunye nokwabelana ngemiyalezo evuthayo enokubangela ingozi, ukudibanisa uluntu ukuba lukhuthaze ubundlobongela kunye nokuzibandakanya kwizenzo zobugebengu.

I-NATJOINTS iye yahlala ingaguquguquki ekuqinisekiseni uluntu ukuba ii-arhente zogcino-mthetho ziya kuthatha amanyathelo angqongqo ngokuchasene nabo bafunyenwe kwicala elingalunganga lomthetho.

Kungenxa yale mvelaphi apho i-NATJOINTS yamkele inyathelo eliqinisekileyo elithatyathwe kwabo bachasene nomthetho.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *