KUKHULILE UKUZITHEMBA EQONGENI KWI-KWAYARA YESIKOLO SAMABANGA APHEZULU IVULAMAZIBUKO

Umphathiswa wesebe lezemidlalo ubugcisa nenkcubeko uZizi Kodwa unikezele ngekhibhodi (keyboard) kunye neebleyizara ezingamashumi asithandathu anesihlanu kwikwayari yesikolo iVulamazibuko eMdantsane ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga eyoMqungu. Lomnikelo ubujolise ekukhuthazeni abafundi kunye nokuqhubeka notyalo-mali lukaRhulumente ekuphuhliseni izikolo ezilokishini nasezilalini.

IVulamazibuko iyenye yezikolo ezigqwesileyo ngezinga lobubanzi kwizifundo zebanga lesishumi ngo-95%, lonto yenza ukuba esisikolo sibe sisikolo sesibini esigqwese ngepesenti ephezulu  eMdantsane. UZizi ubakhuthazike abantwana besisikolo esithi “uThixo wozuko ahlale nabazali benu, aniwonge ningabaphoxi abazali, ningaziphoxi Nani”.

Oligosa Loluleko kwiRCL nokwalilungu lalekwayari uLathitha Ngaba uthe ibinzima kakhulu into yokungabina bleyizara kwikwayara yesikolo, nanjengoko umbhexeshi wale kwayara bekunyanzeleka acenge kwabanazo baboleke amalungu ekwayara. Ecacisa uthe “siyabulela kuMphathiswa ngokusinika iblazers siyikwayara, sizotsho sikwazi nathi ukubukeka sibebahle xana sicula eqongeni. Kuzokutsho kuphele nokucula ngexhala lokuba ukhona umzali ozofika azokufuna ibleyizara yomntwana wakhe”.

Kwiminyaka emibini elandelanayo lekwayari icule yaphumelela de yayokufika kuzwelonke iyokumela iphondo kwi(Male voive). Umbhexeshi walekwayara uNondumiso Dlalo uthi uqale uculisa lekwayara ngonyaka ka-2007 , phantsi koZola Mgudeli, igqwesile yafumana isikhundla sokuqala ephondweni, badlulela kuzwelonke eDurban apho bafumene isikhundla sesibini baze bebuya nendebe. Benjenjalo ucula nakunyaka olandelayo  ka2015, beyikwayara epheleleyo apho bayebagqwesa kwiculo leAfrikans bafumana indebe kwisikhundla sokuqala kuzwelonke. Wongezile esithi “ndivuya kakhulu ngalemini yanamhlanje,ndizotsho ndilale ubuthongo obuhlayo.Ekuculiseni kwam kulonyaka uphelileyo bendincediswa nguSiphamandla Pencil kodwa ke kulonyaka ndincediswa nguVelile ka Mthanda yiyolonto ndiyazi nakulonyaka siyakuhamba nabantwana bam siphinde siyomela iphondo kuzwelonke”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *