Usuku lwamanina lwesizwe yiholide kawonke-wonke yaseMzantsi Afrika ebhiyozelwa minyaka le ngomhla wesithoba kweyeThupha. Olu lusuku lesikhumbuzo lomngcelele wabasetyhini, ngonyaka ka-1956, nalapho amanina abangamashumi amabini amawaka baya kwiZakhiwo zoMdibaniso bekhalaza ngokuchasene nemithetho yelizwe yamapasi eyayifuna ukuba abemi boMzantsi Afrika bachazwe njengabantsundu phantsi koMthetho wobhaliso loLuntu (Population registration Act) ukuba baphathe incwadana yokundwendwela yangaphakathi, eyaziwa ngokuba yincwadana yokudwendwela.Ukugcina ucalucalulo ukufudukela kwabantu ezidolophini, kunye nokulawula abasebenzi abasuka kwamanye amazwe ngexesha lengcinezelo.
Isebe lwaManzi noGutyulo lwelindle lidibanise bonke abasetyhini abasebenzisana nabo kwinkqubo zokugutyula amanzi ukuza kubaxhobisa ngendlela zokuphila xa ungumntu wasetyhini ngomhla we shumi elinesibini kweyeThupha, pha eSebeni lwaManzi noGutyulo eQonce Auditorium njenge sikhumbuzo somhla womama. Lombhiyozo ubuzinyaswe ngabasetyhini abasuka kulemibutho African Footprint of hope, Buffalo Dev, Masimanyane Women’s right International, Department of Economic Development, Tamara forum, Dimbaza Water Forum, Moiplas Forum, Amatola Water, St Thomas Catholic Special School, Mpilisweni, Qoboqobo food Scheme.

“Olusuku lomama asisalibhiyozeli ngalamhla kuphela, ngoku umhla- nomhla kulenyanga kumele siwubeke njengesikhumbuzo. Umxholo esihleli phezu kwawo kulonyaka uthi uphuhliso loqoqosho olubandakanyayo, sihleli kulomxholo kuba kudala abantu abangomama bebenganjongelwanga ukuba bangakwazi ukuzimela okanye baqale awabo amashishini anokuphumelela kodwa namhlanje sith’aba silapha sizothi halala kuni zimbokodo ngokwenza kwenzeke” utshilo uSelemeng Morapeli osuka kwiSebe lwaManzi noGutyulo oyi Director- Capacity Building and Intergovernmental Relations. Uqhubekile esithi beliSebe bafuna ukuxhobisa abafazi babancedise nange zakhono zobugcisa kwaye bayabawela ukuba lenkqubo ibeyinto eqhubekayo apha ephondweni lonke.
uNolitha Nkomane olawula umbutho osekelwe ekubeni ungabi nanzuzo iAfrican Footprint Of Hope uthe, elisebe libenze baziva bebalulekile kakhulu kudala besebenza namasebe kodwa lelokuqala eli elithi xa besenze nalo libuye lizobenzela into ekumila kunje kwaye uyabulela kakhulu. Uqhubekeke esithi “ndifuna ukuthi komama mabangayeki ukugushugushuza ukuze kuphuhle indawo zenu. Masiyilwele into esiyifunayo hayi ngezigalo kodwa sidudule okusendleleni yethu sikwazi ukufumana izinto esizifunayo”.
“Ukudibana kweth nezibhokodo khange siyazi ukuba sizakudibana nabantu abazakwenza umsebenzi weSebe ubelula, yilento siqonde masenze lomsitho ukumila kunje kuba lemibutho ifike yaligugu kuthi ngoba ngoku imilambo yethu inabantu abayijongileyo. Abona bantu bekumela bazive bexatyisiwe apha sithi, kwaye siyabulela kuba lemibutho ikhokelwe ngabantu basetyhini abasebesuka ekungajongelwa ntweni, kwaye abasazama ngandlela zonke ukuba babonakale ehlabathini. Ndiya yigxininisa ekomitini ibiququzelela lomsitho ndiyacela lento ibeyinto engazophelelala apha eQonce kuphela kodwa ibekho kwiinkalo zonke zelisebe kwiphondo jikelele” utshilo uPortia Makhanye oyiNtloko yePhondo kweliSebe.