ISEBE LAMANZI NOGUTYULO LWELINDLE LIBAMBE UCWEYO E-INTERNATIONAL CONVENTION CENTRE

Njengokuba isaziwa ngokumgaqo siseko nawuphi na umthetho oyilwayo apha eMzantsi Afrika kufuneka uqale eluntwini luze luphawule, lugxeke kwaye luwamkele. Umhla wama shumi amabini ananye kweyo Mdumba kulo umiyo isebe lamanzi nogutyutyulo lwelindle belubambe ucweyo kumethetho oyilwayo wolungiso (Bill amendment), umthetho wezizwe wamanzi (national water act) nowenkonzo zamanzi (water services act) eICC.  Olucweyo belujolise ekubeni kufunyanwe imviwo zabantu kulomthetho uyilwayo wolungiso.

 Obethethela elisebe uMpho Retshisusu oyintloko yolawulo kwiinkonzo zothetho uthe “kuba nisazi besesiyipapashile imithetho elungisiweyo emibini umthetho wezizwe wamanzi kunye nowenkonzo zamanzi kulonyaka uphelileyo kwinyanga yeNkanga ukuze abantu baze bazokubonisana nathi. Unobangela wokuba sibelapha kuba niyazi ukuba sihlala kwilizwe elinomgaqo siseko wedemokhrasi, xa usenzanaluphina ulungiso kulonaluphi na uhlobo lomthetho kufuneka ubandakanye noluntu ngoba olu lungiso luyabachaphazela nabo, kuyo yonke lento sifuna uluntu lubandakanyeke kule nkqubo yokukutshintsha lemithetho”.

 Uqhubekeke esithi belela sebe bayayi xabisa imibono ne zimvo zabantu njengoko bekuzisa eluntwini umthetho oqinisekisa ekwabiweni kwamanzi ngokulinganayo kubo bonke bantu kwaye nokusetyenziswa kwamanzi kunye nogutyulo. Wafakelela esithi bekubalulekile ukuba bawuhlomele lomthetho wamanzi nogutyulo ukunqanda ungquzulwano lwexesha elizayo kunye nokutolika ngendlela engeyiyo njengoko bebekhe badibana nento enje kwixhesha elidlulileyo.

Isithethi esisuka kwelinye lamasebe siphakamise ukuba oluhlobo lweendibano zocweyo kufuneka lubandakanye abantu abasuka kumashishini abucala hayi abantu baka rhulumente ku rhulumente, kodwa kuyoyonke lento uyalwamkela ulungiso lomthetho oyilwayo. Ekholelwa ukuba phambi kokuba baze nalo kubo olutshinto bazijongile iziphene kunye nemphumela emihle kumthetho ebesebenza phambili kwaye banayo nendlela yokuqhubekela phambili nalo umthetho uyilwayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *